Zulu novels by Mambathane
novels
crime
love
betrayer
24/07/2026
ndingavuyiswa luncedo lenu bantase❤️❤️❤️
guys ndizoqhubeka ndiliqhibezele elabali ndiyanicela ni accepte la link https://temu.com/u/pW1ZDeXJ9MtMC0
please guys accept my invitation
12/05/2026
Plzz follow this page
UBOMI BAM
Episode 1
Bendihleli nabazali bam kunye nabantu be family k*mnandi bevuyisana nam kuba ibiyimini yam yokuzalwa Xa kufika abantu abathathu abaphethe izibhamu
Mama:masisi hambozimela nabantwana bakokwenu
Ndiye ndatsala abantwana basekhaya ababini ndabaleka nabo sayozimela phantsi kwebhedi ndiye ndathi mabahlale pha ndaphuma ndayokroba xandijonga umama uleli phatsi uvuza igazi phofu mandithi Sonke umntu ndabaleka ndayojonga umama
Mama: masisi yiya pha kwi safe uthathe imali epha ubaleke nabantwana bakokwenu Sisi nihlale niyazi uba ndiyazithanda bantwana bam Balekani ke
Ndiye ndaphakama apho ndabaleka ubheka eroomin kamama ndayothatha imali sayophuma kwicango elingemva sabaleka sithe xasingaphesheya ndajonga ekhaya zabe zisihla inyembezi bekuvutha Umlilo ndaphinda ndajonga phambili bekufuneka ndibe strong for abantwana basekhaya.
Elokusabela ndinguSimthandile elamanyande ndinguZathi ndihlala kwilali yasengcobo bendilala nomama notata bebene business kodwa besiphila njengabanye abantu besinagaziphakamisanga bendine brother ne sister abaza envakwam Lo uyikwenkwe igamalakhe nguQhawe ze intombi ibe nguQhawekazi bebengamawele bebesena 5 mna bendina 19 .
Thatha isithulo uhlale umamele ngobomi bam.
Plz like, comment, follow and share
UBOMI BUKA BUKHOBENKOSI
Episode 10
Ntsika
uVumani uye wandixelela yonke into bendinomsindo ndiye ndathi kuye bakabize bonke abantu pha kulendawo sihla ngodibanela kuyo bendifuna umbabha engalindelanga Lo unguLisolethu
Lisolethu
Bendisahleli Xa ndifumana i massage ethi untsika uyasibiza Mxm ebendidika Lo qha bekufuneka ndizenzisile bendidikwa yilento kufuneka sixhumenxa esibiza end mna ndifuna ibendim umphathi ndidikiwe ukukuba sisicatshalala Sika ntsika mna kanje ngovumani . ndiye ndalungisake ndahamba ndaya kule meeting ayibizileyo ndithe Xa ndifika kukho uVumani notsika end untsika ubukeka enomsindo
Mna: end then nanquma
Ntsika: ubulala nomfazi wam Wena
Mna: (ngomothuko) haybo uyazi size ndiyenze lonto nje bafuna usixabanisa abantu bakuxelele lento
Ntsika: yintoni kengok let
Utsho eveza video
NTSIKAYOMZI
Ibindicaphukisa le ndisele ndakhupha I gun ndadibula imbhumbhulu ezilishumi (10) ndiye ndabiza Abafana ndathi mabamthathe ba kline apha bayomtsisa ngezilwanyana zasanzini ndiye ndahlamba izadla sahamba noVumani ndifumene I call Kuta
Tata: wenze sho ba uhlala apha namhlanje
Soqhiba was drop bendi lost kodwa ke ndiye ndashiya uVumani kokwabo soqhiba ndagoduka
UBOMI BUKA BUKHOBENKOSI
Episode 9
Minentle
Igama lam ndingu minentle ndihlala nomama wamno Tata umama nguLineka ze utata ibenguZolani ekhaya akurishanga (rich) kodwa asihlupheki
ndiyitshomi ka benkosi ndiyayifuna inkosana yhoo bendihleli nomama apha ekhitshini
Mna: mama kufuneka ndiyitshate Sana inkosana asoze
Mama: and uzoyitshata mtanam cinga njee sending umama we ndlovukazi yasebukhosini yhuu sendiyabona abantu begobisa intloko Xa bendibona
Mna: Sana mama ndingayeka nesikolo ngoba ndizobe ndifundelani Sana ndihlala ebukhosini
Tata: uze ungazisoli ke sis uboyeka utotosa lomntana kakhulu lineka
Ungene Sele esitsho utata inoba ufike Nini kengok Lo yhuu hayke Sana
Mama: haybo Myeni wam ngumntana wam Lo funeka ndimxhase nakwintonina
Tata: umxhase ke naxa UBOMI bumjikele kutheni ungakhe ufane nalatshomi yakho ubenkosi uziphethe kakuhle lamntana
Mama: taka mini ungabe uyophula ndizokulungiselela into yotya
Uye wahamba utata enikina intloko
Mna: yhoo utata uyathanda undifanisa nalo ungubenkosi
Mama: sumhoya wethu lowo njongana ne Nkosana Wena sizoba zizinyimnyim apha elalini ndiyakucela kwayena utata wakho uzokuthanda
Mna: okay mama
Mama: khawuthi ke ndisele umnyeni wam ukutya
UBOMI BUKA BUKHOBENKOSI
Episode 8
BUKHOBENKOSI
Ude wabuya umama emsebenzini ndiye ndamxelela yonke into uye wathi ndibe care full but izinto ndizithathe ngoba ndiyazidinga ndiye ndazithatha ke
bekungengomso ndisiya esikolweni ndadibani nominendle endleleni sabe bihamba sincokola
Mini: yetshomi uzivile Indaba ezisemlonyeni
mna: hay zithini tshomi
Mini: inkosi ifunela umntana wayo umfazi ngok ibize Zonke intombi ukuba zizobakhona ze yena unyana akhethe
me: yhoo caba ayikwazi Shela na lenkosana
mini: uyakwazi qha kucaba ayife ize nantombi kokwaba
Mna: yhoo uzoya kengk
mini: ewe yhuu intle klk la Nkosana ndiyifuna apha k*m nawe tshomi cela uye undikhaphe ndiyobona umyeni wam wakusasa
Mna: yeyake Myeni wam wakusasa webhongo Sana okay ke ndizoya
Mini: okay yetshomi
Siye sade safika esikolweni yhoo ibichwele indawu yonke lento yalenkosana Sana abantubebethetha ngayo nditsho nomiss abanye babo bebezijongele kule Nkosana ndingayaziyo Kuba kuthiwa ikhule uhlala phesheya khona ibuyayo kulonyaka side saphuma isikolo kusathethwa ngale Nkosana yakhona ndiye ndaguduka ndenza izinto ebekufuneke ndizenzile endlini soqhiba ndahlala uye wafika ke umama exesheni Sele ephethe ukutya siye Satya ke
Mna: mama cela uhamba ndiye emcimbini apho kuhlala khona inkosi
Mama: okay mntanam besele ndivile ngalomcimbi unini kanene
Mna: ungolwesihlanu mama njengoba kungolwesithathu nje namhlanje
Mama: yhoo uzondiphosa moss ndiyaphangela mna ngomso awufuni ndikuthengele umbhaco ngomso inoba nam nzocela pha emsebenzini ndikhe ndiye pha
mna : haybo dude ungayi emsebenzini mfazi yiya Noko lamcimbi uzoqala late andiphathele umbhaco nam
Mama : okay Kanti uzoqala ngabani ixesha lamcimbi
Mna: pha NGO 3: 30
Mama: hay Noko mna nzophuma U2 emsebenzini masabe siyolala
Siye sahamba ke sayolala
Minentle
Ndithe ndifika nje endlini ndabe ndilungisa izinto zam zonxiba Friday kulamcimbi yhoo ndifuna ubamhle k*mntu wonke ndifuna ukoqhitha wonke umntu funeka indibine klk inkosana
22/02/2026
UBOMI BUKA BUKHOBENKOSI
Episode 7
VUMANI
Kuyandonwabisa ukubona untsika esemathandweni after iminyaka Oko kwaseleka umfazi wakhe nabantwana bakhe zange waphinde waba esemathandweni Kuba ebenento ethi Nguye imbhangela yokusweleka komfazi wakhe. Umfazi wakhe wangena kwingozi yemoto kunye namawele kodwa akuphelelanga apho umfazi wakhe wayengamthandi kodwa wayefuna imali yakhe wayethandana no lisolethu futhi nabantwana yaaingabaka lisolethu kodwa yonke lonto akayazi untsika nam ndisaqoqa ubufakazi obaneleyo. Mna ke ndingu vumani as ba Nike besele N**i ndihlala ndodwa ndikhulele ekhaya lezintandane usukela apho ndazixelela uba ndizoba nento zam. Singamagitsa Sonke ke notsika untsika ngumphathi wethu Sonke no qhayiya lisolethu Khanyisa Aphelele namagitsa nabo back to the story besisahleli sincokola Xa kufika oAphelele Sele behamba bonke phfff nasoloko behamba bonke aba
Qhayiya: ohh nisasibizi ngok nizihlalela ndodwa
Me: bek*mele iyoniqhoqha na
Khanyisa: ubungasoze ungaphenduli kewena
Aphelele: ukuthanda nyani uk*mphendula mn look
Mna: sanundindwebela klk
Ntsika: ubakhabe Wena twana yam
Me: and zobakhaba
Khanyisa: khanongezeni inyama le sizotya
Nyani kuye kongezwa inyama Satya pha exesheni siye sahamba nam ndahamba ndaguduka
UBOMI BUKA BUKHOBENKOSI
Episode 6
NTSIKAYOMZI
bendibhuzi apha e office yam Xa kuthi qhi uVumani
Vumani: hee caba uyamthanda lomntana sewude uyongena kokwabo umthengele ne present Wena wonke ube romantic
Lisolethu: ngubani ngk Lo u romantic
ungene Sele esitsho
Vumani: ngutsika ungaboba i present ne flower azuthenguleyo for intombazane
Me: ubungeno Vala lomlomo wakho umanzi Wena vumani
Vumani: kuncono uyatsho uba ngowam
Lisolethu: Wena wonke ntsika umthengele intombazane i present hay ndifuna uyibona lo ntombazane
Vumani: sizoya pha kwesasikolo sayo ngomso
Lisolethu: yhaa masiye mn mhlambi nam ndingathatheka
Me: unganyi ke Wena
Vumani: haybo ude unazo nesikhwele
Me: niyaphambana Nina andimfuni lamntana qha undincedile so kengk ubalulekile ebomini bam
Lisolethu: kutheni usithi ndinganya kengok
Me: because Wena awumfanelanga lunge kakhulu lamntana Wena ungadlala ngaye Wena
Vumani: caba ulungile Wena
Me: yilonto klk ndithi andimfuni
Lisolethu: bazomthatha ababhadlileyo ulibele kunyaba
Me: masingaqhelani klk lisolethu ngubani onyabileyo ngok
Lisolethu: Xolo bhuda
Vumani: hay man masiyeni etshisanyama
Me: nifike ndi busy ke apha
Lisolethu: khawuphakame man sizohamba
Me: okay sanundingxamela klk ndizohamba
Siye sahamba sincokola ke apha endleleni sade sayofika kwindawo ekuhlala khona imoto zethu umntu wakhwela kweyakhe ke nam ndakhwela kweyam siye safika apho besisiya khona Sabina indawo yochopha sachopha sathenga inyama
Kemna ndinguNtsikayomzi ndinabakhuluwa abathathu uQhayiya,Aphelele no Khanyisa kube ngamantombazane amabini uSiyahluma no Hlumelo ubudala kuqala MBA kuze uQhayiya kuze uSiyahluma kuze uAphelele kuze ukhanyisa kuqhibele uHlumelo besivana ke bantase abazali bebephila bobabini umama ke yena uyathanda ufuna usilawula notata ngapha akakwazi unqanda ungazi wakhe umama ngu Phindile ze utata abe ngu khayalethu
Plz like share comment 🫂
17/02/2026
UBOMI BUKA BUKHOBENKOSI
Episode 5
Besele ndimbonile uba ungumntu unjani uAsiphe futhi besele ndizixelele uba ndiyekila uhamba naye side saphuma isikolo singakhange sithethisane noAsiphe mandithi ebesele siyekile ubazitshomi ebesele etshomene nabanye abantwana abaphaphayo apha esikolweni mna besele ndihamba noMini besele kuphuma isikolo sabe sithe chuu sizihambela noMini
Mini: nakuya ekhaya ke
Me: akukho kude nje kunasekhaya yazi bendingayazi noba uhlala kwalapha
Minentle: uyazivalela klk Wena funeka ukhe uphume Yazi
Me: hay wethu ndiyakuthanda kuhlala endlini mna
Ebefika ke uminentle kulelali kunye ne family yakhe sithe Chu ndade ndafika endlini uye waqhubeka nendlela ke yena Kuba kokwabo kuphezulu ndithe nje ndifika ndagxoma ubhala emnyango soqhibe nda qoqosha soqhiba ndahlamba impahla yam yesikilo ndaya e room yam Xa ndifika kuchwele I flowers ne gift beg no teddy bear ndithe Xa ndijonga I flowers ezi zinkulu khukho be note ethi" enkosi ngosindisa ubomi bam uyintoyoke k*m une nemini emnandi ke my life sever " Xa ndivula I gift bag kukho I i phone XR yhuu andavuya but bendinayo nengawo eyoyikayo course ungene njani sana kube kutixiwe I flowers bezenziwe ngemali kesana bendonwabile yhoo nzotsho ndikwazi nam ukuya kwezindawo sizokhuphelwa kuzo Xa siqhibile ubhala uphela konyaka as ma grd12
Like comment share 🫂
17/02/2026
UBOMI BUKA BUKHOBENKOSI
Episode 4
Bekungengomso ndisiya esikolweni njengesiqhelo ndatya umama waqale wahamba keyena so nam ndatya ndatixa soqhiba ndahamba Xa ndifika esikolweni wabe sekefikile uAsiphe endilindike encumile ndakhe ndabhideka
Asiphe: mganam
Me: tshomi yaka
Kuye kwadlula uMini Sele ebulisa
Minentle: hello guys
Me: hello mini
Asiphe: yhaa minentle
Wabe sele engena eklasini ndiqonde andizunbuza ketana uAsiphe uba kutheni engandixelelanga nge maths kodwa bendimbuzile walibele kundizulisela bendizak*mbeka kulendawo andubeka kuyo ebonwabile ke u girl namhlanje ude unazo nendawo ezincuma ncumezayo iye yakhala intsimbi Saya emigceni sayothandaza soqhiba sabuyeka ezi clasin zethu bekuzoqala imaths ke namhlanje nangoku ebengeka ndixeleli ungenile utitshala
Titshala: Xa ndibuya ndifuna umsebenzi wam ndingakulinge ke ndiqhelakale eyoba ubungekho ayifuni mna ke
Class: yhooo
Asiphe: yhoo tshomi ndilibele ukuxelela uba besibhale i Assignment yhoo wess uthe utitshala ba awukaqali ubhala uzakubetha soqhibe athathe kwa elophepha ungabisabha u feyile
Khange ndimphendule ndimjonge nje uye wabuyela endaweni yakhe wangena utitshala waqala ekuqaleni efuna umsebenzi wakhe uthe Xa efika k*m wathetha uAsiphe
Asiphe: oyhini ungambethi kakhulu titshala
Titshala: ubhalile nje nzombethelani
Asiphe: haybo njani bendihleli naye njee izolo khange ayibhale lomntu imaths
Utitshala uye waphakamisa I ncwadi wambonisa uye wathula
Click here to claim your Sponsored Listing.
Category
Website
Address
Cape Town Southern Suburbs
Opening Hours
| Monday | 09:00 - 17:00 |
| Tuesday | 09:00 - 17:00 |
| Wednesday | 09:00 - 17:00 |
| Thursday | 09:00 - 17:00 |
| Friday | 09:00 - 17:00 |
| Saturday | 09:00 - 17:00 |