Inyembezi zam zizosulwa

Inyembezi zam zizosulwa

Share

Author

07/04/2025

umthandazo ka mama wam

libali lam elisha elo ndinxibe ilokhwe elight ndicela niyofunda liku 21 ngeke nizisole .

Enkosi

07/07/2022

PAGE 40
:
:
:
:
:
:
:
:
:
:

:
:
:
:
:
:
[ andazi noba ngulomso na owenza ndingamboni kahle lomntu ame emnyango ndiye ndasondela apha ngakuye kuba ebevale umnyango...umntwana ebesele ethule kengoku....ndothuke ndaphantsa ukuwa xa ndibona ubuso buka dabawl liziwe...thyini usekhona kanti...uvele wahleka kakhuuuulu...wandidudula ukuba ndiphinde umva ndaxhathisa andifuni kungatsho bendisoyika...ezizinto aziqabe ebusweni bezindoyikisa....undivuthele ngento ndayoba wandidudula ndade ndahlalaphantsi ....bendisuke ndangathi ndisisidenge kengoku)

Liziwe : unesibindi kwedini wenza into eyehlula amadoda.....ndizokubonisa inyoka iphuza umhluzi.
Me : m...m..makazi ndi...
Liziwe : yintoni lena uyiphetheyo haaaa khawuyijonge.
Me : ngumntw....
Liziwe : haaaaa ucinga uhlakaniphile ne...mna ndandinendoda...ndizoba nezimali ngendi rich ngoku....abafowenu ngokuphapha benzani...bababulala abantu ebendibathanda....andinamyeni mna namhlanje ngenxa yezazikhohlalali zakonu.....andinamali mna ngenxa yobhuti bakho...andinakhaya mna ngenxa yabo...ucinga ngoku ndithatha lomntwana ndiyageza....hiii akungomntwana lento.....yinyoka.

( uthe uba atsho kanjalo...wajika lomntwana wayinyoka ....ndothuke bendizigcine ndiphethe umntwana kwenzekeni...ndizibonile bekungumntwana. Ingaba akulophupho kodwa eli ..ohhh ukuba ndiyaphupha ndicela ukuvuswa...ikhamisile lenyoka isikhalo somntwana asiyeki kengoku...xa ndizoyihosa phantsi kuba ndibona izonditya ndive ilizwi ezindlebeni zam likhwaza lisithi....ungamlahli nguye lowo.)

Me : nguye
Liziwe : ohhhh poor bukho wena uyinto nje eqhatekayo...abazali bakho babezizityebi azange banditshiyela nento encinane....ekhaya sasal sihlupheka kusobhubha utata...abazai bakho benemali kodwa zange basinika kwanto...xa ndiqala ukufumana izinto ezakati zakowenu ziyayigqiba kanjalo....hayi ngoku ndixolela ukufa ngeke ndibe sahlupheka....mdle....nihlale nobabini kulendawo kua kucacile uyayithanda.
Me : dabawo ungayenzi eyonto usenokuba nayo imali suvumela usatan adlale ngawe.
Liziwe : ndivumele bani uthixo...haaaa...wandizisa kulomhlaba owo kodwa endizisela intlupheko...kanti kwa devel asilali silambile thina sikhothama sitye.
Me : dabawo ndizokuthandazisa ube ryt hamba nam ke okungcono.
Liziwe : igazi lakowenu kade lafumaneka...sifuna elenkulu yabazali bakho....kodwa balumka bayoyifihla...ow on silifumene elomzukulu omdala wozulu...sizosela namhlanje wena uyibhaseli....ndithe mdle
"Uk*mdla kwakhe uzofumana ntoni....bukhosi suk*ma. Sihambe.
Liziwe : ungubani wena.
Ngcwele : izono zakho ziyokulandela...ngowulungisa indlela zakho nothixo wakho....andikoyiki mna awuzude undenze kwanto umlilo wamazulu undibiyele.
Liziwe : haaaa haaaa haaaa utoyile...akahambi ubukhosi.
Ngcwele : bukhosi....phuma ubaleke ungabheki nangasemva...ude uyofika konu...uzofika umama ekulondile.
Me : ndikushiye apha lomntu ukhohlakele awumoyiki.
Ngcwele : ukuba uthixo uvumile ngam andinokuphikisa koko namhlanje ndenza endikuthunyiweyo...phuma.
Liziwe : akayi ndawo
Ngcwele : bukhosi kutheni umile.
Me : he is nota baby yinyoka lena.
Ngcwele : ukuba ngaba yinyoka eyo ngekukudala ikutyile...lusana olo
Liziwe : uyandivavanya sukaaa

( uphose into phambi kwam kwaqhuma ngomsi omnyama tsu....ubundiza esifubeni...bendiziva ndiya ndivaleka umphefumlo lona usondele k*m wafika wandibamba entloko xa ndizowa wabe sefikile ungcwele wanditsala wandikhuphela ngaphandle....yazi oko ndive ilizwi likatata lisithi ndingambeki phantsi ndiwa naye ndivuka nayo lenyoka)

Ngcwele : zama amandla ude uyofika kowenu...ungaseli kwamanzi odibana nawo .
Me : andinamandla
Ngcwele : bukhosi zama noba ihamba ngamadolo k*mele uhambile kungenjalo slahlekelwa nguwe nolosana.
Me : yhoo inyawu zam zibuhlungu yhuu .
Liziwe : haaaaa haaaa
Ngcwele : ukuba inyawu zibuhlungu ndithe gaqa ngamadolo kodwa ungambeki phantsi owomntwana engafikanga kowenu.

( ndibene presure ngoku bendimbona nongcwele sephelelwa sisineke...ndiye ndasuk*ma ndathi chuuu...indlela ebendiqaqanjelwa yiyo yintloko kuba kaloku ndingulona ebeqhunyiselwa impepho endingazaziyo....nelanga besele lisiya kunina...bendicotha ngenxa yobuhlungu benyawu nentloko...ndivelele ekhaya besele kungasagcwalanga...ndiye ndaphumla...ndaphinde ndathathisa....ndithe ndingasesangweni ndafika kukhona umthandazisi ngokutsho kuka ngcwele)
Mthandazis : soufikile mbeke phantsi.
Me : kuthwena ndingabeki phantsi.
Mthandazi : mjonge lusana mbeke phantsi nawe uguqe.
Me : ohhhk
Mthandazi : yazi lomntwana akanolunga ahlale apha.......ndicela ukuhamba naye....bamenze wakhubazeka uyambona umqolo yilento bebeyenza kuye..ndizoyomhlamba elwandle....bakhupha intambo yakhe ebimkhusela kungakh kanje.... Umama wakhe umazi uphi.
Me : andimazi mama
Mthandazi : ininzi impi elapha kowenu andazi oyoze iphele nini asihambe nawe udinga amanzi ahambayo..phaya ukuba lomntwana yinyoka akazubuya ukuba lusana luzobuya...akukho satan ozobanamandla kunothixo.....

( ndingene ngaphakathi k*miwe bendiyothatha izimpahla njengoba etshilo lomama....bekubhekenwe ngezikhondo...)

Esona : uncedile ungene aba bobabini bagqekezile
Danger : asiyenzanga lonto nyana uyandazi kewena.
Me : ndiyakwazi ungubani....ndikubuzile uzokwenzani apha awaphendula ufunani ke.
Entle : amaphepha andazi ngawani.
Zintle : siyaxolisa ningasibophisi.

KUMKE UMBANI NDISABHALA NDOBUYE NDIYONGEZE.

PLEASE

LIKE

SHARE

COMMENT

MENTION

NOT*EDITED

ADMIN :❤A.CETYWAYO❤

06/07/2022

PAGE 39
:
:
:
:
:
:
:
:

:
:
:
:
:
[Ndingubani kanti mna...okanye ndiyagula...ndothuke k*me abantu phezukwam...uEntle indlela obelila ngayo ndisuke ndangazi noba kwenzekeni ngoku...ohhhh nkoo yam...lusana olutheni olu lungandiphumziyo...lulilaphi yhoooo ndaze ndalitwala idombolo...ndiye ndacimela....ndibone umntu ongumama ebengandibhekanga....esandleni ephethe umbese....kwesinye ebambe olusana lugxwalayo nalo andiluboni kahle.....)
Me : yhooooooo
Entle : khosi kanti kwenzekeni uyagula.
Ngcwele : ndicela ninditshiye naye ikhona into ek*mele ndiyiqondile.
Me : yheyi ungubani....beka owomntwana phantsi.
Entle : ndimbeke phantsi.
Ngcwele : mama ndicela uphume nosisi lona ndiyanicela.
Mthandazis : kulungile nyana ...asihambe sisi mshiye unyana wakho .
Entle : uzophila mama ukhosi.
Mthandazis : akanakwanto sisi uzophila .....sukulila kangaka kaloku nawe awuzubanika kwamandla.

( baphumile o Entle sasala soba3 ngosana olu belubekwe apha ecaleni kwam...uye wasondela ungcwele....wathatha umigcobo wandenyusa isikipa...wakhulula umigcobo...wasala ngeparmpas kephofu uyacula...kuyo yonke lento ayenzayo....wabeka umntwana phezu kwam....wangqamanisa inkaba yam kunye neyakhe.)
Me : ibuhlungu yonke lento bhuti .
Ngcwele : jonga yiyo into ezosinceda lena....wena kwanto ekungathi uyayiphupha uyasixelela....cimela ke.......
Me : ngoku.
Ngcwele : ewe ngoku kuba kaloku ixesha asisenalo....obhuti bakho k*mele babuye sesisazi kwenzakalani...
Me : yhoooo kutheni kuzoba ndim kanti.
Ngcwele : bukhosi...uyimfusi yamawele....unyana wakho uliwele...so kuyafana noba useyimfusi yakhe and ungutata wakhe...so kulula ukuba nixhimane...ukuba iGift ebemdala ebezosixelela ukuba kwenzekani....kungakho ekhala usuke eboniswa something ...okanye esiva izinto ezimbi azivayo.
Me : yhooooo ngcwele ibuhlungu lento ndiboniswa abantu abaphethe.....imibese...nezikhalo zosana.
Ngcwele : esisikhalo siso esi k*mele usixelele ukuba sikhalaphi....k*mele uqwalasele yonke into oyibona kulendawo ubona kuyo lomntu aphethe usana....
Me : ohk....ukuba yinto ek*mele ndiyenze leyo ukuze ndizophila kulungile .
Ngcwele : ndizobe ndilapha ke yenza lento ek*mele uyenze.

( ubomi bundzima....ndiqale nini kanti mna ukuboniswa izinto zam ndodwa...ukuba ngabe kukuqala kwam ukuphambaba oku ndizothini....njengoba ndingasathandazi nje....ndithandazele ngaphakathi...nkosi ndincede ukuba k*mele ndisindise olwasana lukhala kabuhlungu....ndicela undincede nkosi undivezele lento ek*mele ndiyibone ........kuvele kwangathi inkaba yam iyatsaleka....ndatswina kwabe kulila iGift....ndiphinde ndabona lomntu ephethe usana...ebemile ngoku.....ndiye ndamqwalasela....bendingamazi mna lomntu....satsho isikhalo sosana ndangathi ndiyasondela....lendawo ndiyiqhelile qha andazi ndiyazelaphi.....bendimanzi xopho....ngumjuluko....wabe esalila uGift inoba ebeliliswa nayilento abekwe kanje......)

Ngcwele : thetha awubonanga kwanto.
Me : yhooo into endimoshayo kukulila kosana livele likhale ezindlebeni zam...ndingasanaka yonke enye into.
Ngcwele : ohhhhk ndifuna ukwazi ubone ntoni lento uthi landawo uyayazi.
Me : kunesihlahla esikhuuuulu....nendlu enguronta....kodwa lomntu ume phakathi kwesihlahla noronta.
Ngcwele : kulungile ukuba k*mele ulale unganxiba ulale. Bukhosi...kwakutheni besithi ungubukhosi abazali bakho....
Me : andazi inoba bandizalela ebukhosini .
Ngcwele : haaa haaaa uyaphosisa yhuuu ubukhosi babo basemhlabeni babunika wena....khawucinge nawe....izinto ezininzi ezenzekayo zenzeka kuwe....wazalwa uphethe...wenbethe uBukhosi bamazulu...nezibusiso zabafowenu ziza ngawe kuba kaloku wena ungubukhosi.
Me : yhooo yandzima yonke kengoku lento.

( heeee nibobachazela abantwana amagama wabo kuba ngoku mna andazi nokuba kwakutheni ndide ndibe ngubukhosi....so namhlanje sendiyazi....ndive umntu ofixiza apha ngentla kwam...ndonyusa amehlo beku nguEntle....ede edumbe amehlo...ndivele ndanosizi...lento anje ndamvulela ingalo waziphosa k*m..)
Me :uzolimaza umntwana.
Entle : yhuuu ndiyabonga kuba niyaphila...kanti ngoku nivele nigule nobabini....nifuna ndisale ndililolo kulomhlaba.
Me : hayibo ngubani othena sizobhubha thina sudlala ngathi.
Entle : nindothusile....kulapho ndivele ndabona angathi andisenakwamntu kulomhlaba xanigula nobabini ...kaloku nini enenza ndifune ukuphila kulomhlaba.
Me : uxolo suba salila kaloku naku siyaphila ngoku thina .
Entle : nindothusile....migcobo...kuthiwa ngubani kabele.
Me : Gift....
Entle : Gift kamama ungaboze undivise kabuhlungu....nokuba abantu bendijikela..ndicela uhlale unam njalo...ungandijikeli...ndicela uku replace iwele lakho eli lisempangelweni....ndicela ukubangubhutakho....im sure yena ebezokulwela akuthethelele....kubantu abakusukelayo....ndicela ukuba ngomnye wabobantu ubathembileyo ngobomi bakho.
Me : soze akulibale uyamzala kaloku wena....ndicela umnxibise inoba uyagodola.

(Bekuphele iveki ngoku ndingayi kwandawo ngenxa yokoyika ukuva esisikhalo...sike sandivelela ndisetoun..kwaceda kuba ndihamb nosisi Esona...bekubabo abathenga izinto ngoku.......zihambile intsuku ndingafumani zimpendulo sesi sikhalo.bekulusuku ekufika ngalo obhuti bam eli....bekuphithizela ke abantu baselalini abanye bebekhona...andifuni kuxoka usisi esona beno sisi esihle oko benathi ekuqaleni basenathi nangoku....bendihleli kulandlu bazongenela kuyo...sino malume bekucociwe ke.)

Malume : mshana bayabuya obhuti bakho namhlanje...uziva njani.
Me :ndiyavuya malume....ndonwabile...ndiphinde ndithi akwaba abazali bebesaphila.
Malume : yhaaa nak*m kunjalo mtshana but sikhona kaloku thina soze ndanilahla mtshana mhla nabona angathi nditshintshile...nibondisa emntwini soze ndibuye ndibulewe.
Me :ndiyazi malume awukaze wasijikela...so uthando lwakho siyalwazi
"Thyini umntu nomalume wakhe bazivalela kulendlu kodwa sibhizi phandle.
Malume : ye Esona kutheni usithatha otherwise nje awuboni talk man only hire.
Esona : haaaa uxolo wethu xhego kodwa ndizocela lobhuti...kukhona lapho k*mele aphuthume...naba sebesiza owele.
Malume : baphi phuthuma mtshana...ohhhh babuya abatshana bam madoda...hayibo bobani abaya sebethe khebevu esibayeni....ngamadoda akwabani.
Esona : andibazi malume ndibabone sebehleli kulandawo.
Malume : avanga berhala ke madoda abantu balelali....babona lankomo ngoku yhuuu hayi ndibancamile khothi ndiye phaya kubo......
Esona : yhaaaa bukhosi...ngubani lona ahamba nodanger.
Me : udanger yena yedwa uphi.
Esona :kwavele kwathini kudanger na wasisimungumungu esitatazeliswa ngabafazi.
Me : yhima sisi ndifuna uk*mbona undawuni.
Esona : nankuya phaya ngasemotweni yakhe....kunabantu ozoyobahlangabeza beza apha bahamba ngesigadla ke.
Me : isigadla santoni ngoku sisi.
Esona : ndokuxelela usobuya hamba.

(Heeee bendirhalela nokubona lamntu kuthiwa ngu danger ubizwe ngubani apha...ndiye ndayohlangabeza esisigadla besilayitshe ibhedi ezimbini...kukhona no dabawo ulondiwe...kunye ne wodrobe ezimbini...ndivele ndakhamisa andazi nokuba zithengwe nguye ...hayi udabawo akanayo imali.)

Londiwe : phelo likabhuti....awubhitye kutheni wutyi.
Me : hayibo dabawo ndiyatya awumhle uzibonile.
Londiwe : ndiyabonga mtshana andisakwazi kaloku kwabhuti mna ndeza ndiselula.
Me : dabawo zithengwe nguwe ezizinto.
Londiwe : hayi bhuti...ndicelwe ngu Esona ndehlike nazo...nam andizazi zisukaphi.
Me : yhooo awumhle dabawo k*mnandi edurban.
Londiwe : ewe thyini... Hayibo angathi ngudanger njena owaya ame ngakulamoto.
Me : ndivile kuthiwa ukhona kodwa andikakathethi naye.
Londiwe : awumhle umzi kabhuti bakuthi...usemkhulu nangoku.
Me : driver...kungenwa phaya jika kancani ikhona indawo yokungena.
Londiwe : ohhh
Me : ngoku ndandikuxelela ukuba bahambile obunono ndandingazi uzoza ketana dabawo.
Londiwe : yhuuu andinophoswa tu phelo...xa nisandibiza andinode ndingezi...kaloku ukhumbule ubudlelwane bethu ndisabufuna.
Me : sifikile ke.

(Bekukikizelwa ke ngabantu ababona kungena esisigadla...zifakwe endini ...ndake ndalaqaza ndathi ntla ngo bra danger walahlisa amehlo...uzofunani lomntu apha...wathi akasafuni kwanto emdibanisa nathi...ndiye ndabona mandiye kuye)

Me : mholweni.
Danger : mholo bukhosi uyaphila
Me : ndiyaphila ngendibuza wena akukapheli nenyanga eziliqela usixinile kwakho kodwa wena soulapha ufunani.
Danger : ndizo...uesona undixelele ukuba bahambile obunono so nam ndizovuyisana nabo.
Me : uzovuyisana nabo noba uzobajonga bazophila njani ungekho wena....ubucinga abazuya entabeni kuba ubalahlile...ubucinga baxhomekeke kuwe.
Danger : hayi bukhosi mna be...
Me : be...ini wena watshisa iuniform yam nalanongcondwana wakho nanicinga nigqiba ikamva lam ne....libalani ndipase kahle kakhulu mna....
Danger : siyakubongela be....
Me : indlela oliphixiphixi ngayo ndisuke ndakonyanya...
" sthandwa sam andiboni kwamaphepha kulandlu ubundithume kuyo itixi....
Danger : yhooo
Me : mholo nawe zintle awusatyebe....akabhitye umyeni wakho angathi ucelwa babaphantsi.
Zintle : uyadelela lomntwana babe....sizolalaphi kuba umcimbi ukusasa.
Danger : ikhna iBnB etoun solala khona.

( heee hayi lo angu zintle ude unempundu usuzela phezulu ngabula malume....baye bafika ke obunono emalanga...kuculwa nathi besonwabile indlela ebesiphikisana ngayo...nakuya ubunono hayi ngubuhle owaya wheee bavele bafana twatse.....andazi noba kulelwe nini indlela ebekonwatywe ngayo...bekukhona ungcwele newele lakhe ......ekuseni sivuke ingoma isatsho kuronta....ndavuka ndayohlamba....sababhizi ke.. Emini ndibuye ndabona udanger nomfazi wakhe...benxibe ngakufanayo.haaaa akanqine nalo danger.... Ndithe xa ndisiya etoilet ndathi tshe ngomakazi engcozana nala nontle caba nabo beza apha....ndiye ndabuya etoilet.....besele kuhleliwe enkundleni ngoku beyalwa bezobekelwa....savele satsho kabuhlungu isikhalo sosana ndothuka abantu babheka ngak*m....undibambile usisi esona)
Ngcwele : myeke sumbamba...
Esona : uyahamba njena lomntu futhi ucimele.
Ngcwele : Gift landa igazi lakho hamba Gift hamba hamba hamba.

( andazi noba ndim nalona sengu Gift kengoku kuba bekutshiwo k*m...indlela ebezibuhlungu ngayo indlebe zam....kulento bekuthiwa mandiyihambe ndothuke ndiphantsi kwesasihlahla bendimane ndisibona ephupheni....xa ndibheka emva kwam nankuya ungcwele undibhekile angathi uyandisizela....ndiye ndisondela kulendawo bekungu ronta lona awukho nasemizini uqelele nakhona.....ndangena kulendlu bekubasiwe kodwa bekungathi akukho mntu...kuqhuma umsi....ndisivile isikhalo sosana ingxaki bekugcweleumsi kulendlu....ndilandele ukulila kosana ndade ndalubamba....belunganxityiswanga...ndalijija ngebhayi ebelibekwe apha....ndasuk*ma xa ndiqala ndizophuma ngomnyango ndathi ntla ngomntu emile endibhekile...ndothuke ndaphantse uk*mwisa kwalomntwana ndimphetheyo...wabe engaqheleki umntu wakhona...)

# Entle

( most yabantu bebembona angathi uyahlanya ubukhosi....kuba ebesenza lanto emveni kwezithethi ebezithetha kubekwe impahla zabo....abantu bebencoma bendibeleke usana lwam suthutha impahla bekukhona aba bantu bahleli edining )
"Yhoooo bayithathaphi imali aba bantwana izinto zabo uzintle.
" kaloku umalume wabo uyasebenza okanye kudala bazibeka.
" hayi sanuqhatana kuthiwa zizigebengu aba bantwana babamba inkunzi.
" thyini unganyanisa kaloku akukudalanga bemkile apha sebebuya benemali.
"Nimbonile umakazi wabo nendodakazi yakhe.
" ewe ohhhh xaim unontle walimala emsebenzini wabuya.
"Yhuuu kungcono umamake uzoba nezimali kaloku lamntu uzophunyelwa zizimali.
" yhimani singaphuthwa kukutya bafazi nibonile nani zibondiwe.

(Hayi abanalwimi naba omama bo...yhuu ndiye ndaqoqa ke kwabe kubekwa k*mbandi bebebekelwe xaim andifuni kuxoka...kwaxhelwa nenkomo bekugcwele kwakona...ndiye ndaphuma kuba ndiyolanda ezinye izinto....xa ndibuya kulendlu bendibeka kuyo izinto kukhona uZintle...upequlula iwodrobe....ndaphuma ndayobiza u esona weza ufike esafuna andimazi noba ebengasiboni na)

Zintle : khothi ndifounele esisidenge singu sizwe andiyiboni mna lento ayifunayo....helow andiwaboni mna lamaphepha kudaka ndijonga lapha ndizode ndibhaqwe....
Esona : mmmmh kanti kudala ubhaqiwe.
Zintle : ehh ehh u...
Esona : ufunani kulendlu ungubani kona wena.

KHANINDIPHENI IMALI KALOKU 😂😂😂 NINGAYI UKUYOZICOCA NODWA NE REBOOSTER NEYABABA.....SENIVUKILE BAFAZI

PLEASE

LIKE

SHARE

COMMENT

MENTION

NOT*EDITED

ADMIN:❤A.CETYWAYO❤

04/07/2022

PAGE 38
:
:
:
:
:
:
:

:
:
:
:
:
[besiyokojisa obhuti bam...njengoba lamakhwenkwe akulelali ayengandifuni endibiza ngodengana....ngoku seqala ayandazi... Andazi noba kungoba ndinempahla ngoku...kaloku ngokuya ndandiswela nditsho le yokunxiba ngaphantsi into....bendigqiba kuhlamba....ndibone ndingamboni umntwana namhlanje....wabe umamakhe eqhwebula nosisi esona kwayena ebebonakala okungathi uyaya ekojiseni.....ndithe xa ndigqiba ukuhlamba....kwabe kufika lamakwenkwe....bendithe ndizohamba nawo...)

Me : senikhona majita....ndilindeni phaya ngasesibayeni.
Zuko : khawuleza kwedini sifuna ukuyotya inyama thina.
Lulo : ngekabani lemoto intle kanje ntwana yhooo intswempu.
Me : ngekasisi owaya abopha inwele .
Zuko : hayibo angathi luzobakhona umcimbi...inkomo engaka ngobani bona aba bantu bangenayo.
Me : khanime ndike ndiye kubo....andazinto ngankomo mna.
Zuko : bangaphi omalume...bakho.
Me : baphaya kuronta...ndiyebuyani.

( ewe into endive kuthiwa izobakhona zigusha just ukuba bakhutshwe andiyazi lena yenkomo...kwehlike...usisi mthandazisi...kunye nomyeni wakhe...ebephethe umntwana...ndivele ndakhamisa kemna...bendingazi noba uyakwazi apha ekhaya losisi....ndiyamoyika andazi noba libala lakhe na eli ndiloyikayo noba...ndiye ndayongena endlini)
Entle : sisi...ndimhle.
Esona : ndincome ntombi ndikweluke kahle uzibonile.
Entle : enkosi sisi...mandibonge kuwe.....ndizoya ekapah ndimhle.
Esona : ewe sisi uke uyokhupha isikhwakhwalala..
Me : uentle uya ekapah....uzomthini umntwana.
Esona : uzohamba naye ngowakhe kaloku.
Entle : mandike ndiye phandle sisi inoba bosisi aba bafikayo.
Esona : yhaaa sunditshiya nam ndiyahamba ndifuna lanyama yosiweyo kuthiwa bayavimba nabaya bantu.
Me : entle ndi....
Entle : hayi ngoku tata kamigcobo ndisebhizi.

( wanditshiya kanjalo sana lomntwana...heeeuzoya ekapah ayobona amanye amadoda...hayi ndizokwenza kanjani na ukuba angahambi....bendizipheka ndizophula ngemibuzo...engenampendulo...lonto...bekugcwele okungathi sebebuya kodwa sisayokojisa....bendingalindelanga...kwamna ...ukuba kungaphithizela kanje apha ekhaya....ndiye ndaphuma endlini ndifike k*miwe esibayeni...besele kukhona no oyingcwele.)

Oyingcwele : bukhosi....sizophuma ngoku kiba nam ndizalwa kwazulu...ndizokuncedisa kwizinto esizozenza....before sihambe...ndizocela nikhe amarhewu siyophuzisa abantu abadala abazali bamakhwenkwe ababagadileyo kulandawo....ukuba bebengagadwanga...ngaba abazubuya phaya...kukhona lona abahlalele ngezulu elizomjikela ngenye imini.
Mthandazisi : bukhosi...
Me :mama
Mthandazisi : ewe ndinabantwana abadala kuwe yithi sisi ungaboni lento ndimhle so.
Esona : ndiyakwazi ke wena chomie.
Mthandazis : uphi umntwana kabhuti wakho kuba k*mele abekhona ngalamhla babuya ngayo.
Me :wabhu...
"Yizani....igusha iziqhaqhile ayibonakali.
Me : yhiii uthini na zuko.
Zuko: ngoku xa ndiyochama phaya besiziqhinele khona igusha ndifika sekukhona enye eyesibini ayikho.
Oyingcwele : yiyekeni....ayidukanga...isekwalapha kufutshane....sizobahlanganisa bobabini masivele sihambeni.
Me : hayibo ikhululwe yintoni na igusha ibiqhinwe kangaka.
Ngcwele : yiyeke bukhosi masihambeni nabahambayo.
Mthandazisi : bukhosi...kuzomele sithethe thina sobabini.
Esona : siyahamba thina singatshatanga.
Malume : you not marry na wena.
Me : malume uyasala.
Malume : yes yevo mshana hambani sobe sinilindile.

( baye baphindela endlini emveni kwezinto ezenziweyo...siye saya ehlathini...uentle ebekhona...ebehamba nonfana endingamaziyo...ebesemva kunathi...ndisuke ndangazi noba uyajola nalamfana oko bebobabini ....)

Zuko : yebukhosi khawutsho ngeyaphi eyantombi ihamba nalamfana amde.
Me : ngeyasekhaya uzoyenzani.
Zuko : ngumzala wakho noba ....mhle lamntwana uyabona nesasiphongo sakhe sivele kahle ngoku alukileyo.
Lulo : yhoooo uyamfuna kengoku waqala wamncoma kangaka.
Zuko : khawundizame ngenumber ntwana ngeke phela ngupelepele.
Me : benize ezintonbini zasekhaya noba benize enyameni...
Lulo : kahle ngamatye bukho...nawe uyamboba umzala wakho ume kanjani mhle kwayena.
Me : hlukanani no entle yenzani lento benizoyenza rha.
Zuko : ufane wanolaka awuzuzityela njena ....ndizoyofuna inumber mna futhi ndizovunywa ndimtye umza wakho uzobe sedliwa yile yam i...p..p....

( andazi noba ndivele ndanonomsindo na noba kwenzekeni...ndiye ndamxhumela uzuko kwawa nelobhakede lerhwu bendiliphethe...kodwa khange lichitheke kakhulu...ndamngena ngamanqindi...ngoku ndimbethayo...kuye kwavela la mandisa apha k*m okungathi uthi mandimenze lanto wayefika ayenze k*m....ndamngena ngamanqindi...ndive sendibanjwa...xa ndibheka izandla zam zigcwele igazi...wabe elele phantsi uzuko)

Esona : uphambene bukhosi..
Me : ndiyaxolisa sisi bendingaqondanga ukuba ndizomenza kanje.
Entle : bukhosi souyi bully ngoku wena ukwenzeni omnye umntwana ude umbethe abenje.
Lulo : hayi asisayi nalapho thina asijike zuko.
Zuko : ndizokubamba bukhosi.....
Esona : awulimalanga kanti ngoku uzobamba abantu ....yhiii subditatsela ndiyabuza..
Zuko : caba sistera uthethela ubukhosi kuba kungowakowenu....bendisithi soubhadlile bukhosi kuba soungasahlupheki...kanti intlupheko isengqondweni.
Entle : myeke bukho suva hoya bayeke bahambe...ungabaphenduli...wena into ek*mele uyenze kukuxolisa kuye....ukuba akakuxoleli seyozosala kuye yonke lonto.....
Esona : unengxaki wena bukhosi...bendingakuqapheli unsindo wakho uzok*mosha...
Me : asihambeni.

( andazi ndibgenwe yintoni ...siye sayofika ehlatini...ndazikhetha ndahlala qelele ndodwa....ngoku ndihleliyo...bendibhekele uEntle nalamfana bencokola ezindaba zabo zingapheliyo....andazi caba ndiqukwe bubuthongo....ndazokothuswa sisikhalo sosana esitsho ezindlebeni zam kabuhlungu....ndisuk*me ndama ngenyawu....bendingaphuphi...bekungathi siviwa ndim ndodwa ndive u oyingcwele sendiqweta ndothuka)

Ngcwele : esisikhalo usivayo siyinyani kutheni wothuka....kutheni ungakaze umphathe umntwana wakho....
Me : andazi noba...
Ngcwele : ngowakho na lamntwana hayibo andinoxoka mna ngowakho lamntwana....akukho kwanto ndizokunceda ngayo kemna.
Me : ndiyoyika....ukuba nam ndingabhubha. Ndimshiye sendiqhelile njengabazali bethu akhule ehlupheka njengam ndizothini.
Ngcwele : emhlabeni sizohamba sonke kodwa hayi ngosuku olunye....asizuhamba ngakufanayo....suzimotshela ubomi ngenxa yengcinga....uyamazi ukuba umamam wenda mncinane nalapha kuwe notata...utata wavele wavumela imithi nokusetyenziswa sevunyiwe babaphantsi bakwa faku....ndikuxelela wancama wazibulala kuba umama setshate nendoda emthandayo engazumhluk*meza...engazumane imxelela ngepst yakhe....andizukuqhata thina sikhule kahle kakhulu utata ubhubhe sibancinane...kodwa utatujalie ngoyena asikhulisileyo benotatomkhulu....kungoku ngojanuary ndiyatshata ndizobq ngu pastor faku...bhasobha ukuzibulala abe lomntu umbolekiweyo engasekho sebemthathile abanengqondo....nomntwana wakho sekhuliswa yenye indoda wena ube wazibulalayo kodwa kunguwe orongo....lungisa unyawu lakho...noba ke umama womntwana awumnakanga naka igazi lakho bhuti akuzujika ngunyana wakho owaya....lamntu wanika wena ubuntombi bakhe...kuba ekuthembile...wawuzova kanjani ukuba wavele wavuma wendela kulandoda.
Me : yhoo bhuti andazi kodwa ndithi sendizomthatha umntwana ndivele ndoyike.
Ngcwele :try ke bhuti...mamela awuzukwazi kutheni usiva isikhalo xa ungazuba nabond nosana lwakho...lamntwana yi ngu Gift kuba unento ayiphathisiweyo....okwangoku akakazi kwanto uzomva ngokukhala xa kukhona ingxaki suk*ma siyotya inyama.

( yhaaaaa ne ndisuke ndangazi noba ndingubani ngoku...ndabhidek uqobo...ityiwe inyama bendirhalela ukuthetha no entle qha ebengandihoyanga tu...side sagoduka oko ezula nalankwenkwe ndingayaziyo...sifike ekhaya kupaintwa ngaphandle umalume ..kunye nomnye utata endingamaziyo...ndive umntwana elila endlini ndake ndazincama ndangena....xa ndimbamba...zivele zehla inyembezi zam...)

Me : Gift ndiyaxolisa ngokukoyika....ndicela undixolele ndiyakuthanda ....uyandiva zulu...mxolele utata uzohlala nawe yonke imihla...ukhule ubemdala ndiye nawe etoun undihluphe...andithi.... Kutheni angathi umanzi nje....khawuze ndikunabukelise....

(Kamnandi izinto zakhe bezikufutshan ndazithatha ndamenza...ngoku ndimtahintshayo...siye sabuya esasikhalo bendisiva ehlathini kwangathi silapha kulendlu...ndothuswe kukungena kuka entle sencumile ndabe ndingaseva kwanto..yhenina ndizophambana mna )
Entle : anise cute..nina nobabini umntu nodady wakhe.
Me :usivile isikhalo sosana entle.
Entle :hayibo ndingene ethule mna umigcobo andivaga sana lulilayo.
Me : ndiyaphambana ne mna....ndiyaphambana kwenzekani k*m
Entle : mhlawumbe ukhathele okanye ucinga kakhulu vele uyolala.
" hayi xa eyolala makayolala nonyana wakhe kunempendulo esizoyiva apha kuye.
Me : impendulo.
Mthandazisi : suzenza usana bukhosi....uyekeleni uk*mamela mamela .
Me : andikuva mna sisi ndimamele ntoni.
Entle : ungawisi umntwana kutheni umntwana wam wangcangcazela bukhosi mbeke phantsi.
Mthandazi : bizani ungcwele....
Ngcwele :sendikhona mama kwenzekeni ngoku Gift Gift sizomthola kaloku suyenza lento uyenzayo.
Entle :ohhhh umntwana wam hayi bukhosi uyaxhuzula noba kwenzekani mncedeni.
Ngcwele : into eyenziwa ngunyana wakho iphumela kutata wakhe...andithi yena akakazi kwanto so nanku umntu ek*mele asixelele kwenzekani...
Entle : uyafa lomntu bukhosi ....bukhosi kwenzekani na kulendlu nkoso yam.

LOADSHEDING 😪😓ndizocela icomment

PLEASE

LIKE

SHARE

COMMENT

MENTION

NOT*EDITED

ADMIN:❤A.CETYWAYO❤

04/07/2022

PAGE 37
:
:
:
:
:
:
:
:

:
:
:
:
[Hayi akukho kwanto yakunga unontle uvelaphi ngoku...kunini ndamgcina..kube kutheni kengoku anjena ebusweni...hayi indlela ebendizityikitya ngayo amehlo bendingakholwa tu.....ivumba belipoqa angathi ngumntu ozimosheleyo...hayi ndibheke umalume andazi nokuba ebengamboni na ukuba nguye....)
Malume : mtshana....ngubani lona athetha njengo sisi.
Me : ngunontle malume awusamboni na.
Malume : wamunceka nje mtshanam wangathi usisiqeda sakwa mjwili...kwenzekeni.
Me : uziswe yintoni apha lomntu ngoba angathi kundzima kwanto nje.
Malume : yhima mtshana kanti untombazana lona ngoku umamakhe athi usemsebenzini ubesebenza msebenzini lona abuya semunceke waphinda elusaneni.
Me : andazi nam malume kudala ndamgcina....nontle nontle.
Malume : hayi mtshana ungambambi uyambona unjani....ukuba unezizifo zakhona uzothini.
Me : izifo malume.....
Malume : ewe i....lento umtshayivi anifundiswa na phaya esikolweni mtshana.
Me : hayi malume ngubani owakuxelela ukuba ngumtshayivi.
Malume : hayibo mtshana ndikhule ebizwa kanjalo ...umatshaya bhuqe...awuwazi kanti nititshwani kwezizikolo zenu.
Nontle : bukhosi....
Malume : ehhhhen uyathetha
Nontle : ndicela undibambe ndiyolala tana mzala.
Me : uyolala kuphi apha ekhaya.
Malume : yhooooo sendibona.kuba kutshuk*ma umlomo mtshana....kutheni....yhiii yhooo ubuso angathi lisele elithelwe ngotyiwa.
Nontle : ndilambile.....bukhosi ndicela nindincede ndingene .
Malume : unyoko wakho uhlala phaya kwa stswebhu nawe yiya khona.
Nontle : ohhhh bukhosi ndiyanincela ndiyafa...oku kokuba ndihlambe .
Me : andinokwazi ndiyozel futhi mna ndisayolala malume.
Malume : khothi ndifounele umama wakho zokuthatha kuba awuzungena apha ndiyakwazi ugeza kakhulu....kukhona mna ngoku ungandithathi therwise.

(Umalume ndimshiye nomtshana wakhe ndafounela lona angu Entle kudala sagcina kwa ukuthetha...worse uyaphuma kusasa so bendizohlala naye...)
Me : mama ka migcobo.
Entle : tata ka migcobo ebusuku kangaka.
Me :uxolo wethu uryt unyana wakho.
Entle :uryt kwakona yilento kuthiwa uzokhutshwa kudingwa nebed apha.
Me : hayike zintoni ek*mele zibekhona xasendizonilanda.
Entle : andazi nam andikaze ndaba nosana...kodwa impahla zisekhona ungazithengi...umgathenga ezinye izinto.
Me : ohhhk mandilale mninzi umsebenzi endinawo kusasa.
Entle :bukhosi.
Me : ntombi.
Entle : usandithanda noba awundifuni kuba ndalala nalandoda.
Me :sobuye sithethe entle bhabhayi.

(Ohhhk ningandibheki kanjalo...andazi mna ngoku noba ndiyamthnda na uEntle noba kwenzekani ...kodwa ikhona kona into eyenzekayo...ndiqukwe bubuthongo...ndazokothuka sekufundekelwa apha ekhaya....xa ndisithi phandle kukhona usisi omhle ...endike ndimbone efounini ka buhle hayi andimazi mna lomntu...bebencokola nomalume )
Malume : yhe tshana khawuze apha.
Me : ndiyakwenzeni kemna ngoku.
Malume : usisi lona wakho uthi ndimbi khawumcacisele angandithathi otherwise...
Losisi : hayi mani phelo ungake uxoke mbi phela umalume wakho.
Esihle :ungake udlale ngephakade lam sisi esona awumboni mhle kanjani lomntu.
Malume : yhaaaa wena smadzadza sam mxelele thyini ungafika ayimbi nalondoda yakhe.
Esona : hayi ningake nidlale ngomyeni wam....ukuba bebekhona obuhlw bebezondigqinela mhle umkhize wam yhuuu.
Malume : whaaaaa yematshezi khawutsho landoda yakho iyakhumtsha noba idlulwa ndim lona .
Esona : haaaaa yhuuu malume uyakhumtsha wena yhima sisi esihle umalume uhlala njani naye ethetha kanje.
Malume : wheeee awundazi isingisi sam sibhida nditsho umtsholozi mfanam yheyi....yhooo bayaohi ngoku aba babini.
Me: unontle ebengalalini na ade angcozwe bamsaphi.
"Rhaaa bukhosi ungubani wena ude ulahle umzala wakho ebusuku ubuzothini xa edlwengulwa.
Esona : brenda nguwe lona.
Nontle : mama....asihambe mama
Makazi : kanti asizuhamba tu....ndifuna ukuxelela lona ndizalwa naye aphaphayo...ade azozenza intloko yelikhaya akalazi ikhaya lakhe eliya liwayo....jongapha wena akusoze kube kwakho apha futhi soze ubazale aba bantwana suzenza bhetele apha.
Malume : you speaking with me my daugther
Makazi : ufane wakhumsha noba ndingangudota andinandaba okusalayo undivile.
Malume : listening to me sister. You dont know me and i dont cares about you talking rubish .
Esona : tshisa lume ne english yakho.
Makazi : ungowaphi kewena ngembande ezimbi.
Malume : yhyini thiza yeceliwe khawuyeke ukuphapha ngamagxa angathi uvuthela igempe...uloko uthetha angathi waginya impepe....
Me : malume kuzomele ndiye etoun .
Esona : ndingakusa phelo kukhona izinto ek*mele sizithengile .
Me : kulungole sisi sibgahamba.
Esona : hawu brenda nguwe lona...
Makazi : nontle wangcangcazela ngubani lona uyamazi...
Nontle : a.....a....asihambe apha mama.
Esona : hayike brenda ndizokubona k*mele ululame.
Makazi : yhima nontle ngubani ubrenda ....
Nontle : asihambe mama andifuni kuba lapha mna.
Malume : yheeyi celiwe you listen your son says goduking now ...go....love....love
Esihle : leave sthandwa sam
Malume : hayi hayi esihle ndihlala ema ofisini mna ufuna ukuthi andisazi isilungu yhiiii xa ndisithi love ndisatsho into enye no leave.
Esona : haaaaa sisi yeka ulume nge english yakhe

(Haaaaaaa ndagqabhuka yintsini kephofu umalume utshintshe kwalapha ebusweni...kwesisilungu sakhe sehlula nam....ade abe yison u nontle...kephofu unontle ebengcangcazela andazi ukuba kwenzekeni kodwa ebebile xopho kulandawo abekwe kuyo...sibatshiye betshawutisa umalume ebaphendula ngesingesi sakhe mntakabawo...yheyi akazixeleli ukuba ufundile umalume....akafuni nokulungiswa kulento yakhe....ujikela kwawena...)
Esona : phelo ndiyaqonda awundazi ndingu esona tshezi....kulomama kulapha kwazulu...so ubuhle nobunono sibizana mzala ke...nawe xa uthanda ungathi mzala okanye sisi.
Me : ohhhhk sendiyakubona kengoku ukuba ndikwazela efounini zabo.
Esona : ohhhk sizothenga ukutya ke ngemali yam.....ingxaki ndifike ndingaphathanga kwanto.
Me : bekunganyanzelekanga uthenge njena sisi.
Esona : yheyi ngabazala bam abaya bandicele ukuba ndibancedise kuba bendithemba so andinobajalisa kwaye nabo baqhele kundinceda.
Me : ohhhk sisi ndizolanda umntu onosana esibhedlela ngoku andazi noba usana luye luthengelwe ntoni.
Esona : ohhhhk khukuleka ndizokukhombisa ukuba sithenga ntoni.

(Bek*mnandi ukuhamba no sisi esona unobubele qha andimazi njengoba esuka ekapah wazana njani nabantu base durban...hayi iyandixaka badibana njani kona bona...siye sayolanda o Entle noko umntwana wakhe ebebukhularha ngoku sebonakala ukuba ngumntwana nyani ebebamkhulu nyani ngoku)
Esona : hayibo lafana kangaka nawe bukhosi usana.
Me : ngowam sisi.
Entle : bayafana njani na sisi kuba lomntwana ufana nam njena.



( Sekuphele iveki ezimbini ndibuyile esibhedlela....ndihlala no sisi esona kuba usisi esihle ukalali apha....ubukhosi. ...oko ndaphuma esibhedlepa akagane athethe nam...uye abuze izinto zomntwana...azidingayo kube kuphelele apho....indlela endimthanda ngayo iyandihluk*meza yonke lento....bendigqiba kuhlamba umntwana wam...wabe usisi esona eye etoun...ndimbone encokola nenye intombazana...kubonakala okungathi k*mnandi kodwa k*m uloko ebhizi....ndibabhekele...bencokola andazi noba ndim lona ebecinga kakhulu khange ndimve elila umigcobo)
"Entle uyageza nawena awumva ukuba umntwana uyalila.
Me : uxolo khange ndimve.
Bukho : khange umve uzomva njani ulibele kuk*ma emawindini....yhii andithi nguwe owafuna ndik*mithise .
Me : zange ndithi ndi....
Bukho : hayi thula mani usisicefe kwawena ukuba wawungandicenganga ukuba ndikulale ngaba asinamntwana ngoku.
Me : uxolo bukhosi....ndandicinga uyandithanda...kodwa nangoku andizisoli ngokubunika wena ubuntombi bam...nukuba ndenza into erongo ndiyaxolisa.
Bukho : uyaxolisa ukuba uyaxolisa makayeke ukulila lomntwana hayibo yhoooo.

( kulapho ibivele yacandeka intliziyo yam...ubukhosi ebendithanda lomntu kutshintshephi...ngoku usuke wangumntu endingamaziyo...kukhale ifoun yakhe waphuma...wanditshiya lapho...ndivele ndangazi noba undonyanya kuba ndihlala kowabo na noba kutheni...ndive ukuduma kwemoto kwabe kungu siso esona )

Esona : makaboy
Me : cwaka.
Esona : ingaba konke kuhamba kahle....makaboy kutheni ulila.
Me : ubukhosi sisi akasandifuni.
Esona : ukuxelele.
Me : ndiyambona sisi uyadikwa ndim....akahlali apho kukhona mna ...nomntwana wethu akakaze amphathe....indivisa kabuhlungu lento kuba nabanye abantu uyancuma...kuk*m lapho angancumiyo....ndiyamazi ubukhosi iyandithanda sisi.
Esona : ndibambise ezimbiza sizifake endlini....myeke wena ukuba ukuthabda nyani sizombona apha....kusasa kuyo kojiswa obhuti bakhe...kuzofika umluleki uza emveni kwam ke so kuzomele sizame impahla ezintle....umntwana uzobelekwa ndim...wena uzobabhizi nomluleki nike nizule nobabini.
Me : izonceda enini eyonto sisi ubukhosi akanandaba nam...mna ndiyamthanda.
Esona : kulapho ke sana lwam sizobona khona ukuba uyakuthanda na noba cha....xa ekuthanda sizoqhubeka senze enye itest.
Me : yhoooo ohhk sisi ndizobona ngoko.

PLEASE

LIKE

SHARE

COMMENT

MENTION

NOT*EDITED

ADMIN:❤A.CETYWAYO❤

Want your business to be the top-listed Beauty Salon in Bizana?
Click here to claim your Sponsored Listing.

Category

Telephone

Website

Address


Nomlacu
Bizana
LIFE

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Inyembezi zam zizosulwa posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Subscribe

We will notify you when anything happens in Bizana.