Ubomi bam
Contact information, map and directions, contact form, opening hours, services, ratings, photos, videos and announcements from Ubomi bam, Health/Beauty, Kwamashu, Durban.
Happy follow-versary to my awesome followers. Thanks for all your support! Jojo T**i, Cclee Ndumela
oko ndilindile ke bethuna umntu wohlulwa njee yinto encinci ku comment qhaa ,nam ke nzokhe ndihlale ndinibukele nzo post insert unyuka kwe comment noko nibaninzi gqiba for ubhalela abantu abayi 10 qhaa
Shout out to my newest followers! Excited to have you onboard! Sinazo Macingwane, Andisiwe Nyamezele, Zusange Gusha, A Vi Weh, Likhanye Likamva Likhanye Likamva, Ntandazo Guquka, Resie Claassen, Jessica Tonjeni, Khanyi Sigadla, Amahle Tutu
Big shout out to my newest top fans! Hlelosma, Asanda Mamgebe Ntantiso, Konwaba Mac'vie Viwe, Darrk Moonn, Vuyie Vee Kondilati, Nyana Womntu
..
22/09/2025
Insert 5
Kusemveni kwentsuku ezimbini andifuni ukuxoka sheim bendiphetheke kakuhle apha kwaye no siyamcela ebendiphatha njengo sisi wakhe omncinci bendikhe ndaya izolo ekhaya kodwa utata undithuke wandikhupha ngapha kwe yadi sana kodwa ke unandipha uthe mandinga mngxameli mandimnike ixesha until abe right bekungo mvulo namhlanje ndivuke ndondlula nda qoqosha ekamereni yam ndatshayela emveni koko ndavula ifestile bendizoyo faka I cv ke namhlanje kwisibhedlele sala kwakunye nasezi clinic benzosose ndithenga ne mpahla kuba umama ngoku ebe zondijonga ukuba ndinjani uye wandithengela ilokhwe ezimbini kwakhona wandipha ne mali esithi mandizi jongele ezinye impahla ndiye ndahlamba ndanxiba tight dress ende ne sendels ndakama inwele zam ndathambisa umlomo ndathatha I purse yam kwakunye ne cv yam ndiye ndaphuma ndaya kwela cala ndifike usisi nandipha se busy esenza ukutyaa ebevuka ke lomntu bethuna kuba ebeleqa emsebenzini wakhe yena ke ebeyi social worker
Solakha:heyy sisi
Nandipha:hlw nomcinci ka bhuti wakhe
Solakha:(ehleka)oww haibo ndimncinci lomhlobo na bethuna
Nandipha:ewe tyhini I 23 iqale yayintoni usando yeka ngk kl wena ubayi teenager
Solakha:yhoo hai sisi nimenza lento umntu ekhapha
Nandipha:kanti ke sithetha ubuxoki
Solakha:yhooo ndikuyekile sisi u winile
Ndiye ndazenzela amaqanda ne sonka ne drink ndabe ndisitya yena ke ebepheka isidudu mna ke bendingasithandi
Solakha:ubhuti yena akakavuki
Nandipha:ewe kl izolo ufike ebusuku kakhulu yena
Solakha:yhuu ngaske nam ndide ndisebenze ketana ndidikiwe kuhlala endlini
Nandipha:uzukhe unike no bhuti wakho loo akufakele pha emsebenzini wakhe
Solakha:yazi unyanisile,but if andide ndimfumane nzoske ndikhangele noba ngu msebenzi onjani sana as long nzosebenza qhaa
Nandipha:kodwa ungade ufune umsebenzi ozokukhoboza usemncinci kakhulu kl wena
Solakha:nzode ndithini ke
Nandipha:yazi nzokhe ndithethe no mzala wam ose kapa akufakele kwela cala cv yakho and then if umfumene umsebenzi unyuke ube uyohlala naye until u*ifumanele eyakho indawo yokuhlala
Solakha:yhuu sisi ungabe undincedile sana khe ndiphume njee emaxhoseni ndiyobona elikapa lo dumo kuba ubhuti ebeyibalisa into yapha ndiye ndo pura isitya sam ndaphuma ndaya estophini ndayokhwela I tax eziya e town ndiye ndafika ndayofaka I cv zam ko shoprite kunye nasesibhedlele nase clinic emveni koko ndabheka kwa Mr price ndiyojonga into zonxiba ndithenge I tracksuit ezintathu ndathatha ne jean ezintathu kunye ne top enye imali ndiye ndayo Chula Chula into ezincinci zase ndlini noko ibininzana le mali ndiye ndayokhelwela ndifike endlini ndayobeka ezanto ekamereni ndaqoqosha izishebo ezi bendizi thengile ndapheka I papa ndapheka ne nyama ebomvu ndiye ndaqonda noko kudala ndamgqibela makhe ndi fowunele ubhuti kwaye ndingakwazi ukuthetha naye andifakele I cv kwela cala ikhale kabini wabe sele eyibamba
Mgcineni:thetha ufuna ntoni
Solakha:ehh molo bhuti bendicela undi ncede torho
Mgcineni:ngantoni
Solakha:ndiyavuma bhuti ukuba ndino thusile ngayo yonke lento kwaye nam bendinga funi kwamkela ukuba undishiyile kwaye akasandi funi but ngk ndibonile kwaye ndizi misele uguquka
Mgcineni:kengk nomdade ucinga uthini yheey kodwa nawe usothusile kodwa suvumela lamntu atshabalalise ubomi bakho nje kanjalo
Solakha:uxolo bhuti soze ndiphinde ehh bendicelaa undifakele kwelo cala bhuti I cv nakweli icala ndifakile but ndifuna ubona icala endizoqala ndithathwe kulo
Mgcineni:uzohlala phii kengk sisj ngoba yayazi umaka leo soze avume ukuba uze apha
Solakha:sukhathazeka nzoyifumana indawo yo hlala kanene wena uhlala ndawoni
Mgcineni:please ke nomdade unga kulinge uzohlalisana apha , ndihlala e khayelitsha
Solakha:soze ndiyenze lonto nzohlala ne little sister ka sisi nandipha loo ndihlala naye but yena andimazi ukuba uhlala phi
Mgcineni:akhongxaki ke sisi
Solakha:bhuti ndicela undithethele no tata kunye no sisi undicelele uxolo
Mgcineni:nzozama nomdade kodwa andiku thembisi kwanto
Solakha:akhongxaki ke
Ndiye ndacima I phone yam ndahoya imbiza zam ndiye nda fowunele umama kuba ndifuna uku checker kuba ndimgqibele kudala
Solakha:mama wam ndedwa
Nowezile:gqibelo lam
Solakha:unjani kodwa mama namhlanje
Nowezile:eyy ndiyacenga mntanam kuwe kunjani
Solakha:hai yonke into k*m isahamba kakuhle kwaye nanamhlanje bendiyofaka cv ndaphinde ndathetha no bhuti hai noko undixolele
Nowezile:aww ndazi yena ke umntanam noko ngathi uyabuyela ezingqondweni
Solakha:(ehleka)oww unjalo ke wena unjani utata mama xa umjongile uzondi xolela
Nowezile:eyy mntanam utatakho akekho right apha kodwa ke noko bendikhe ndamsa kwa gqirha , mnike ixesha mntanam uzoku xolela
Solakha:akhongxaki kodwa nzokhe ndizinike ithuba ndize apho kukho into ekufuneka ndinixelele yona
Nowezile:yntoni ngk leyo kunge
Solakha:hai mama ayonto imbi yinto entle yonke lee kwaye uzoziqhenya ngam , hee uyayazi umfazi ka bhuti akakandi funi Kuna ngk
Nowezile:kulungile ke xa kunjalo, oww lowo umguqulile umntanam kwaye lento yakhe ifunwa ujongwa
Solakha:kodwa ke mama uyamsola kl ngu sisi loo ungamfuniyo kwaye yonke lento yaqalwa ngu sisi
Nowezile:eyy mntanam andazi noba ndithini kodwa ndiyoyika ingathi mhla sa tshaba niyoshiyeka nisilwa kwa nodwa
Solakha:bendicela ubuza mama noko ungandiva kakubi usisi unonzame une lungelo lokufumana izinto zalapho endlini kodwa wendile
Nowezile:hai ayonto imbi leyo mntanam akaseyonto apha kl usisi wakho qhaa ke uyayazi ukuba sithe asamnikanto anganibulala hlobo eli anganagqondo ngalo umntanam
Solakha:kodwa ngu tata loo wonke utata akakwazi uthetha nabantwana bakhe tuu sana ndimncamile and uyamoyika no sisi nonzame kodwa ke mna nzoba ngathi andiboni ngk ndibonayo kodwa ke azanga bhubhi engayilungisanga yonke lento kuba engasasifuni njee umaka leo phaa kwakhe kunge nxa yezinto eninga kwazi u*i lungisa nina apho ekhaya hlambi nam ndingazali njee emzini z**inyanya zi qumbile ngenxa yezinto enizenzayo apho endlini
Nowezile:khoyeke mntanam khe ndibe busy
Solakha:ndiyayazi mama awukho busy ntonje ubaleka lento ndiyithethayo utata if ibingu sisi nomzame loo wenze lento ngekudala emxolele kuba kl uyamoyika kodwa ke ndithule
Nowezile:bhayi bhayi masisi nzophinda ndiku zamele imali sisi noko uncedise apho ngento etyiwayo
Solakha:akhonto
Uye wacima I phone izinto ekhaya ubungathi zintle xa ujongile kodwa akhonto intle tuu utata ebengakwazi uthetha nathi thina singabantwana bakhe tuu utata une chisanyama ese lalini kwaye wayephangela e mine waze waphunyelwa zi mali zakhe kodwa utata zange enze nenye into ekhaya wayinika unonzame ukuba ayo lungisa ishishini lakhe ngapha ekapa ngeloxesha lomntu use mzini sathi sisithi thina nathi sicela eyethu kwathiwa makhe siyeke ulinganisa kodwa ke k*m wathi owam utata ndizoyenzani imali kodwa andinalo ne shishini ndathi ndisithi ndifuna u*iqalela into yam kwathiwa makhe ndime kancinci uzondinika kwe landelayo kwe landelayo waske walungisa etshisanyama ogqiba kwakhe wakha u ronta njee omncinci ekaya bekukho izindlu ezintathu li xande kunye ne flat le ndilala kuyo kunye nalo ronta wamakhayo yena umama ke waye phangela emakhitshini yilonto ebengena mali usisis nonzame ebesithi ufuna ukokha phaa endlini kwenzela bathi abazali bakhe besweleka about yena nabantwana bakhe benendawo yohlala kodwa wathi xa esithi ubhuti njani kutheni enga phumi inxiwa wasuke wathi naye kukowabo phaa une lungelo ubhuti wayilwisa lonto kodwa suke utata wathi kukwakhe pha unonzame une lungelo lokuhlala pha wathi esithi ubhuti uzosuke ahambe anga phinde abuye wathi kulungile anga hamba ukuba ubona kanjalo kakade akukhonto anayo k*mhla ubhuti wamkayo ekhaya kodwa ke umaka leo yena wasuke wasonyanya sonke sana yena ke umaka leo ebesebenza e resturant yena ubhuti aphangele kwa total spot kodwa bebenayo bona imali kwaye benga dinginto kodwa utata ebebathathela phantsi
Ndiye ndacima imbiza zam ndakhe ndayo cambalala kancinci
Like
Share
Comment
Ikhona insert but nzoyi faka unyuka kwe comments
Comment Comment guy umntu xa egqibo funda please noko nam ndiya tyhafa ubhalela abantu abanga Comment 'iyo masisebenzisaneni bethuna 5 Comments only hai niyandi tyhafisa sana , ndisalungisa I insert yenu
20/09/2025
Shout out to my newest followers! Excited to have you onboard! Nonhlanhla Siyolise Sithole Kanzi, Unothando Mandlenii, Zimkhitha Zim Mamaya, Vuyiseka Victoria Msengana Victoria, Syahluma Siiya Dyani, Alulutho Zozo, Lethokuhlle Snovuyo Tshali, Sisipho Sipho, Asiphe II, Lilitha Sithole, Othamela Zakade, Athule Ursulah, Esona H Makhuleni, Lolo Nisiwe, Vivian II II, Philiswa Yamile, Sphokie Makrila Zekani, Imibongo Lx Imi, Luhle Luhle, Pri De, Lu Nje, Zubenathi Khohlani
19/09/2025
Insert 4
Ndive I machine ezikhalayo nge bekunzima noku vula amehlo la wabe umqala wome nko sana kodwa ndizamile ukuwavula ade avuleka bendibona lu z**i kudwa bendibona ukuba ndisesibhedlele ndizame ukuthetha kuba ndifuna amanzi
Solakha:ndi..ndi..cela ama
Nowezile :oww thixo wamadinga ude wavuka bawo doctor doctor uvukile
Ube sele ethatha amanzi endiselisa kodwa umzimba wam loo wonke ububuhlungu kunzima no chophani oku kungene ugqirha esandiselisa amanzi ufike wandi jonga ke wabe endiva no bushushu wabe endibuza ukuba amehlo amu anjani ndamxelela ukuba abuhlungu emveni koko wandi tofa ndibiwe bubu thongo ngoko nangoko ndizovuka sele kukho no tata kodwa umzimba wona ububhetele Kuna kuqala kwaye amehlo ona ebe right
Nowezile:kowu usothusile lonto
Solakha:uxolo
Nowezile:kodwa mntanam ubuyenziswa yintoni lento uyenzileyo
Solakha:cela singa thethi ngayo ngoku please mama into onondi nceda ngayo ngk kukutya ndilambe
Nowezile:ingathi ndiyazile sana Ina bendiyokupheka endlini elilixa ubu tofiwe
Ndikuthathe ndabe ndakutya ngoku khawuleza oku dibene noku ngxama yhuu bendi lambe nyhani sana ndithe ogqiba kwam ndasela amanzi ndazama ukuchopha
Tata:inoba uhluthi kengk
Solakha:(encumile)ewe ewe tata
Tata:khawutsho ke mntanam ingqondo lee unayo phofu
Nowezile:oww tata umntana akaka bikho right njee
Tata:wenziwe ngubani ukuba abe lapha u kungentando
Nowezile:oww yhini tata khamxolele soyithetha endlini yonke lento
Tata:yabona ke kulapho angayi khona ndifuna abhadle mna lomntana umtefisayo loo uzode azibulale ngenxa ye ndoda enga mthandiyo phofu kodwa une family yakhe yonke iphelele
Solakha:kodwa tata uthi ndizoyaphi
Tata:apho uzokonwaba khona mntanam andithi xa uhleli nathi thina bazali bakho ingathi uhleli nabantu abangaku funiyo uzama uku*ibulala wena kuba ufuna indoda engaku funiyo jonga ke mntanam zange ndiku khulise kanjalo mna tuu undiphoxile bendingayilindelanga kuwe yonke lento tuu ubufuna sife nathi moss ubufuna usibulala nge ntliziyo yhini ukufika umntanam ethe dundululu phaphantsi olwa hlobo ukuba umamakho khange afune uyoku jonga nge tshova ngk nge sisithini mhh ngesisenza amalungiselelo omngcwabo
Solakha:uxolo tata besele ndinga cingi kakuhle kodwa ndiyathembisa soze ndiphinde
Tata:ewe kl ingqondo yakho wayishiya emzini wakho yazi ngathi awungo mntanam undiphoxile undiphoxile kungentando yhooo(ezosula inyembezi nge tshefu) uphi la kunge ka tata loo waye lulamile engasoze amvumele omnye umntu amtshintshe ubomi bakhe kodwa ukuze abuye kuya funeka ndiyenze lento masambe mfazi wam wena unga buyeli kwam
Utsho etsala umama
Solakha:uxolo tata ndiyakuthembisa soze ndiphinde ndisifundile isifundo sam
Tata:ndithe masambe Nowezile
Ushuk*mile umama wabe sele elandela utata ndithe ndimkhwaza wabe sele ephuma emnyango bendiyi zonda imini enda dibana ngayo no luncedo ebomini bam ndivele ndalala ndisa cinga lonto
**********
Ndivuke sele k*mnyama efestileni kungene ugqirha kule ward ndikuyo ebe ngumfana ke uthe engena ndabe sele ndibona ubuhle obu bungaka kodwa ngumntu oyindoda wogqitha nalo luncedo na kakade
Doctor:molo sisi ndingu doctor njokweni mna ndim ozobe ejongene nawe ukusukela namhlanje ubheka phambili
Solakha:ndiyavuya ukwazi doctor
uthathe ifile yam ecaleni kwe tafile wabe sele eyijonga ufunde wafunda wabe sele eqhala amehlo
Doctor:kungaba ubuzama uku*ibulala?
Solakha:mhh ewe
Doctor:ingaba awu mind if ndiyakubuza ukuba why
Solakha:my husband left me because andikwazi umzalela abantwana
Nditsho ndimbalisela sonke istory sam andazi ba why bendi open kulo mfana kodwa andimazi
Doctor:oww ndiyaxolisa ngalonto ikwe hleleyo kodwa kuyafuneka nawe uqhubekeke ngo bomi bakho
Solakha:eww batshilo naba zali bam so ke nzoqhubekeka ngabo soze ndiphinde ndizihluphe ngomntu ongena xesha lam
Doctor:yhaa I like that spirit my girl khoyeke ndikushiye ke girl nzobuye nzoku jonga ngomso
Uphumile ndashiyeka ndincume ndedwa kungene omama balapha aba phekayo bandinika ukutya baphuma ndiye ndatya emveni koko ndaphinda ndalala ndivuke ekuseni sele kukho umama phofu ndivuswa nguye
Nowezile:andihlelanga ke sisi ndikuphathele iphone yakho kunye nale mali nento zohlamba kunye nale lokhwe mantombi thatha naku nokutya utatakho akayazi noba ndilapha
Solakha:kanti mama utata ebenomsindo nyhani na
Nowezile :ewe mntanam kwaye ndizamile uthetha no bhuti wakho kunye no sisi wakho kodwa kwabona bathi abafuni noku bona kuba uzokwenyusela utatawabo nge swekile
Solakha:kengk mama nzohlala phii coz anayo ne mali kwaye uyayazi ndingulo unga phangeliyo
Nowezile:ehh andiyazi mntanam .ungazohlala kwam andi mind
Litshilo elolizwi siguquke sajongisa kulomntu uthethayo sobabini no mama ibingu Mr njokweni kelo uthethayo ukhawuleze wajonga k*m umama
Nowezile:uyamazi
Solakha:ngu gqirha lo mama
Nowezile:ohh andimqaphelanga kengk nyana umhlalisa ngabuni kwakho
Doctor njokweni:ngoba ndingathanda umnceda mama since engenandawo yokuhlala and ohlala until tatakhe amxolele and then atsho ahambe kengk
Nowezile:kungaba undi ncedile nyana
Doctor njokweni:uthini kengk wena uya vuma
Solakha:ana choice ndiyavuma
Doctor njokweni:ohh bendizoku xelele ukuba ndiyakukhupha ke namhlanje
Nowezile:ohh ndincedile ndibe lapha nzosose ndi signe
Solakha:enkosi mama for yonke lento undenzela yona
Nowezile:ungu mntanam sundibulela hambo hlamba kwenzela unga sokolisi u doctor please mntanam
Ndishuk*me ndayohlamba ndathambisa ndanxiba ilokhwe ibinde ke imnyama izezi zithi ncaa kunye ne push ndalungisa inwele zam benske ndamhle man kwatsho kwavela noku mila oku kwam ndiphumile ndaya kwela cala ndifike sele kungekho mntu ndiye ndatya u mc donald loo bendimphathelwe ngu mama emveni koko ndathoba nge drink kungene umama xa sele ndisithi ndiyaphuma
Nowezile:(encumile)kowu mntanam uyazibona ukuba umhle kanjani kodwa kwaye umile no mila for ude uncekelele indoda engakufuniyo
Solakha:(ehleka)eyy kanene mama kuwe into soze iphele ndithe ndimyekile njee nzoqhuvbeka no bomi bam mnna ngk .yhuu yhuu kanti umhle oluhlobo
ungene sele esitsho u doctor
Solakha:ndimhle mna kaloku qhaa yeka lento ndayokwenda ndimncinci oluhlobo
Doctor njokweni:lonto wazileqa wawungxamelephi naa
Solakha:ndaqhathwa nam ndavuma doctor ngoba andazi nam ukuba ndandi bngxamelephi
besihleka k*mnandi ndilibele noba bendikhe ndazama u*ibulala
Doctor njokweni:masambe ke ndileqa ubuya mna
Nowezile:nam khothi khe ndileqe ke ufowune ke kunge
Solakha:okay mama
Siye saphuma sonke wabe umama sele e sayinile e reception siphuma thina sayokhwela imoto ka Mr njokweni yena umama wabe ehamba
Doctor njokweni:ohh phambi kokuba sihambe mandizazise ke igama lam ndingu siyamcela njokweni ndihlala apha ku gatyane egcuwa nditshatile ndinomntana omnye oyintombi
Ndivele ndothuka haibo utshatile njani sana
Solakha:haike mna uyandazi ndingu kungentando ntonti nzohlala njani kengk umfazi wakho utheni xa esiva kuza umntu kwakhe
Siyamcela:suzuikhathaza ngalonto unobubele lamntu besele ndimxelele I story sakho kwaye akana ngxaki nokuba uyohlala nathi kodwa ndicela ungakulinge uzame u*ibulala uhleli nathi
Solakha:ohhh akhongxaki
Siyamcela:faka seat belt
Ndiye ndenza ngokokutsho kwakhe sabe sele sihamba kodwa bendine xhala lokuba uzoba njani umfazi wakhe nokuba yena ebemchaza kanjani esithi unobubebele hlambi yena unobubele k*mnyeni wakhe hai kwabanye abantu sihambe sade sayofika kwa siyamcela bekukuhle sana iyi flat njee ende eneyadi e clean sana ithe xa isondela imoto yavuleka I gate siye sangena wabe sele emisa imoto
Siyamcela:yehlika ke nomcinci
Ndiye ndahleka
Siyamcela:hai uhlekantoni
Solakha:nomcinci pho
Siyamcela:kanti ndimdala mna nomncinci ndiyakubona ucimba ndimncinci uqhathwa njee bobubuhle
Ndiphinde ndahleka siye sehlika sahamba sayongena endlini siye sayovela ngase sitting room
Siyamcela:baby .sthandwa sam ndodwa
Siyamcela:nanku ke lomntu bendithetha ngaye love .yhuu akasemncinci love ngumntana moes loo ulingana no sisi wam omncinci sana
Siyamcela:nam ndibone lonto sana .ohh ndilibele nozazisa mna ke ndingu Mrs njokweni igama ndingu nandipha
Solakha:(encumile) ndiyavuya ukwazi sisi mna ke ndingu kungentando ntonti
Nandipha:nam ndiyavuya ukwazi sisi
Siyamcela:babe mbonise ikamera azolala kuyo inoba udiniwe and kufuneka aphumle lomntu
Nandipha:uzolala kule yayi lala u dineo moss babe
Siyamcela:ewe sthandwa
Nandipha:ndilandele ke
Ndiye ndamlandela wandibonisa ke ikamera ibintle ke I clean ke
Nandipha:(encumile)olala apha ke baby girl nzoyoku phakela uzosela ipilisi zakho ukhe uphumle
Solakha:akhongxaki sisi
Ndiye ndangena ndaqabela phezu kwe bhedi wabe sele endiphathela isonka ne drink emveni koko ndiye ndatya emveni koko ndasela ipilisi
Nandipha:lala ke ntombi soncokola ovuka kwakho
Solakha:akho ngxaki siisi
Ndiye ndatsala ingubo ibilapha emveni koko ndazogquma wabe yena ephuma
Like
Share
Comment
Insert 3
ndivuswe ngumama ndisalele
Nowezile:yhini ntombi oko ubulele
Solakha:yhuu hai ndidiniwe mna mama bendine mini ended kakhulu mna namhlanje
Nowezile:khawuvuke ntombi utata wakho uyakufuna kwelacala
Solakha:oww kodwa mama ibingeno linda ungomso na lento andika bikho ready for uthetha mna
Nowezile:ndimxelele ke tana qha ke uyamazi utatakho
Solakha:ohkey hamba ke ndizoku landela
Nowezile:ukhawuleze ke kukho no tamnci wakho
Solakha:ndivile mama
Uye waphuma ndashiyeka ndihlamba ubuso ndathwala iqhiya ndanxiba amajerumani wam kuba kl ndingu loo ungenampahla phaa emzini bekuthiwa mandinxibe amajerumani odwa bendinga nxibi ne lokhwe ezi ndiye ndaphuma ke ndithe xa ndisithi yhini imoto ka tatazala ndivuyele ngaphakathi kuba ndicinga ukuba uluncedo uphinde wabona ukuba wenze impazamo ngk inoba uzocela uxolo endlini ndifike kukho utatazala kunye no tamnci ndiye ndadana xa ndifika kukho utatazala yedwa ndingene ndatsala isitulo ndahlala phantsi
lindile:ehh apha ndinale ngxaki ndibona ku fika lomntana ekhala kwaye esithi ugxothwe kakho kodwa ke andikhali kakhulu gxam kuba nawe ubungekho kodwa ndivuyela lento ke uye wakhawuleza wazosabela wobona ukuba umakoti wakwakho akekho
Tatazala:ehh(ekrwempa intloko) nam andazi ukuba ndithini kodwa bendizoku jonga mntanam ukuba unjani emveni kwayo yonke lento
Solakha:ndibhetele tata kodwa ndinethemba lokuba uluncedo uzobuya azondithatha noko ndiyazi yonke lee ibiyimpazamo kwaye ayifani tuu naye lento uluncedo
Tatazala:kodwa mntanam kuyafuneka ukuba ukhe uhlale apha kowenu noko nam ndikubonile ukuba kudala umnyamezele unyana wam kodwa ngoku khawukhe ubuyise unyawo kancinci ukhe uhlale apha kowenu
Solakha:soze ndikwazi tata ndiyamthanda lamntu kwaye soze ndikwazi ulahlekelwa nguye lamntu kwaye ndicinga mna uzondithatha ukuba ndibuyela emzini wam kanti uzondixelela ukuba ndiyeke u Luncedo soze soze ndiyenze mna lonto
Ndiphume apho ngokukhawuleza ndayozi valela eflethini yam kanti abantu why benga soze babone ukuba ndiyamthanda u luncedo ndiye nda mfowunela yaske yandifaka ku voice mail ndimshiyele i voice message
Solakha:(ekhala)sthandwasam ndiyayazi ukuba nalena into yenzekayo izodlula kwaye ndiyathemba ukuba kungekudala uzobona ukuba ndiyakuthanda uzondithatha kwakhona ,(ndivele ndahleka ) ndiyayazi ukuba bacimba ndiphambene but abayazi ukuba mna nawe sofa silahlane andithi yinto wawusoloko undixelela yona leyo kodwa ke cela ubuye uzondithatha please ndiyakukhumbula and ndiya thembisa ukuba ndizomamkela nalo mfazi wakho wesibini ndakcela cela xa ufumana le message ubuyele k*m please
Emveni koko ndiye ndacima iphone yam mna ke bendingumpha ochutywe walahlwa bendingenaye nomhlobo loo ebendinothi ndiyokhalela kuye ndivele ndalala ndikwezo ngcinga ndivuswe yi nock ibisitsho emnyango ndothuke k*mnyama sana nakulendlu wabe umama ekhwaza emnyango ndilayite umbane ndavala ifestile
Nowezile:kemnake zange ndazala igeza tuu vula lomnyango
Ndiye ndayovula ndive nge mpama isitsho phakathi kwamehlo amu
Solakha:haibo mama kwenzeka ntoni ngk ndibethelwani
Nowezile:ubhadlile phofu oku ubhadla na mntanam hee
Solakha:haibo kwenzeka ntoni ngk ewe ndibhadlile mna khona why ubuza
Nowezile:utatazala wakho ugqibo fowuna uthi masithethe nawe uthi wena ufakele uluncedo umyalezo kodwa ke yena usuke wanomsindo wa fowunela utatakhe emxelela ukuba makathethe nawe uthi lamntu akakufuni
Solakha:hai hai soze soze athethe lonto uluncedo ngenzeka ngu mamakhe lo uthethe lonto
Nowezile:hai yabona ngk awunguye tuu sana laa mntana wawu nguye kuqala wayengasoze avumele umntu amophule intliziyo emveni koko ahlale
Solakha:mama soze understander kubuhlungu kubuhlungu mama ukohlukana nomntu ubumthanda kwaye ubu*i nikele kuye lamntu mama wayendixelela oko ukuba uyandithanda kunzima ukholelwa ukuba akandithandi ngoku
Nowezile:kodwa mntanam banintsi abantu apha phandle khangela khangela uzomfumana umntu uphinde wonwabe futhi
Solakha:(ekhala)nalowo uthetha ngaye mama kuyafana uzondishiya wokuva ukuba mna andikwazi uzala
Nowezile:yabona mntanam uthixo usebenza emfihlakalweni soze uyazi into akubekele yona hlambi ebengafuni ukuba uzalele loo Luncedo ndini
Solakha:kodwa naye uthixo lowo wakho mama u unfair mna ndifuna uzalela uluncedo hai omnye umntu
Nowezile:mxxm andibani kemna no cebisa isibhanxa yayazi lonto ingqondo yakho ngk isemthunzini kusebenza eyam sana
Solakha:ndithini ke mama ndivele ndi mlibale njee kanjalo
Nowezile:ewe ewe myeke andithi nalo uzobe unaye umntu uzobe enayo lento uyi funayo
Solakha:mama ndicela undishiye ndidinga uba ndedwa
Nowezile:please uvuke ke ngomso ndifuna ukuthuma edolophini
Solakha:kulungile
Ndivale ucango xa ephuma ndanxiba into zolala ndikhe ndayicinga lento umama athetha ngayo maybe unyanisile kodwa eneneni ndiyamthanda uluncedo kodwa kuyafuneka khe ndithethe naye phambi kokuba ndibone ukuba ndenzani ndiphinde ndamfowunela kodwa kweli ityeli ikhale de yabanjwa
Luncedo:hello
Solakha:hey andiku fowunelanga kuba ndifuna ubuyelana nawe kodwa ndikufowunele kuba ndifuna uthetha nawe
Luncedo:ndimamele thetha
Solakha:enkosi , ehh bendifuna ukuthi enkosi ngokundithanda kuyo yonke leminyaka kwaye ndiyathemba ukuba wonwabile apho ukhoyo ngk kwaye futhi uzobanomntana soon ndiyathemba ukuba naye u mama womntana wakho omthanda ngalendlela ubundithanda ngayo nam ehh ndifuna ukuxelela ukuba ndikuyekile ngk kwaye soze ndiphinde ndiku fowunele ungaqhubeke wonwabe no mfazi wakho ungabi stress sokuba ndinga phinda ndiku fowunele
Luncedo:(ehleka)uwhoa undincedile loo uthethe nawe ke kungentando kholale ke noba uyozela byee sayo hoya umamakhe
ti..ti uvele wayicima iphone yakhe inyembezi emehlweni wam ziphume zangu mngcelele kwaye ndingakwazi noku*ingqanda kodwa ndikhawuleze ndazosula ndiye ndashuk*ma ndaya kulandlu inomama kulandlu ino mama ndifike besitya nam ndatya babe bengandithethisi ndihlambe izitya babe behamba beyo lala ndithe xa ndizophuma ndabona ingxowa ye pilisi ndivele ndacinga ukuba xa ndinozibulala zonke ingxaki zam hlambi zinga sombululeka kwaye angatsho onwabe nyhani u luncedo ndingekho ndiye ndazithatha ndaphuma nazo ndaya kulandlu ndilala kuyo ndingene ndavala ucango ndakhwela phezu kwe bhedi ndiphinde ndafowunela u luncedo kwakhona kodwa ndisuke ndava incwina zodwa ndakhawuleza ndayicima ndizithathe ndazigi galela ezandleni zonke ndizi jongile
Solakha:yindlela yam yoku*ikhulula le ku Luncedo, why why sonini na nini ndenzeni bawo for ukundivisa ubuhlungu obungaka ndimncinci kangaka yhoo soze soze ndixole tuu wohlulwa yinto njee encinci ukundipha njee abantwana sonini na nini ukuba andinanzala kuyacaca ukuba soze ndonwabe ngk ke ayikho into endiyiphilelayo
Ndiziginye ngoko nangoko ogqiba nda gqumathela emveni kwemizuzu emihlanu ndivele ndabila emveni koko nda lunywa fast hai yabe into inditya apha esiswini kodwa ndizixelele ukuba soze ndikhalele phezulu ndifuna Ufa mna qhaa inditye lento apha esiswini ndade ndaphelelwa ngamandla ndithe ndizama utsala I phone yam kuba ndifuna ufowunela umama suke yawa ngapha kwe bhedi sana haike andithethi nge lizwi besele linga phumi sana ilizwi zivele zacima sana k*m ndisakhala ndinjalo
Like
Share
Comment
Click here to claim your Sponsored Listing.
Category
Culinary Team
Attire
Telephone
Website
Address
Kwamashu
Durban
7041