Ubuhlungu endidlule kubo

Ubuhlungu endidlule kubo

Share

Ubuhlungu endidlule Kubo


By Sillu hlehle .πŸ«‚β€οΈ


You're welcome emzini wethu .πŸ—οΈβ€οΈ

09/11/2024

Hey zithandwa ndicela sikhabe sibalapha then xasele liphelile eli bali sizoba kule page nindixolele ngongabhali kunzima kakhulu ube ujongana ne page ezimbini uwedwa .β€οΈβ€οΈπŸ™πŸΎ

02/05/2024

Bantu Abahle ndicela umntu afunde Kula chapter besigqibele ngayo so that angabi lost please .β€οΈπŸ«‚πŸ™πŸ₯Ί

17/03/2024

Happy birthday k*m zithandwa zam 15 years NCAA .β€οΈβ€οΈπŸ’πŸŒΉ

26/01/2024

Bantu abahle ndayazi ngoku ukuba nindidinelwe but asikuba ndiyathanda ukungabhali intonayo andina charge kwaye ne mali andikabinayo ndicela ze nindixolele zithandwa zam ezihle nam andizikhethelanga . πŸ’”πŸ˜­

11/01/2024

Njengoba besele ndingene emotweni uye waqhuba.

Lobhuti: so niyaphi?

Alu: Eres.

Lobhuti: what?!

Mna: yeah why ukhuza?

Lobhuti: I thought nigqibile ufunda.

Mna: ucinge rong.o ke bhuti omdala phinda ucinge.

Lobhuti: yeah nhe but uyabonakala wena ba umncinci.

Utsho ekhomba mna ngamehlo endijonge esipilini. Caba umzimba wam ebemncimci nha? Bendinga khululekanga tuu yena u Alu bekungathi ukhwele imoto yakowabo ndlela le ebebonakala ngayo ebengabethelwa nangu 1.

Lobhuti: khululeka subamba igazi nditshilo ndathi asoze ndinenze nto qha ndinipha i lift for free nje.

Mna: why usiphe i lift?

Lobhuti: I used to.

Mna: mhh.

Kuye kwathuleka ke emva kwethutyana uthethile lo bhuti.

Lobhuti: so anifuni ulazi gama lam?

Alu: yeah nam kulapho bendisiya khona qha ndakonqena mhlambi ungababantu nawe abaphoxayo xa bebuzwa amagama abo.

Lobhuti: no andingomntu onjalo mna Thamsanqa elam nina.

Mna: yhoo gama elinje?

Uye wahleka ubhuti Thamsanqa.

Alu: Alungile mna.

Mna: oh Silubonile mna.

Thamsanqa: okay nice to know you.

Alu: nice to know you too but Thamsanqa.

Mna: yeah hai nawe neli gama lakho bhuti awubaweli nickname nyana ke?

Uye wahleka kancinci wandijonga esipilini.

Thamsanqa: haa ha.a ndimdala kaso.

Mna: mna andinaxesha lalonto noko igama lakho lide tshini.

Thamsanqa: hayi nongqiza.

Mna: haaa wers mna ndizithulele nje andithandi kuthetha.

Thamsanqa: uthetha kanje.

Alu: kanti ke sheim ngumntu ozithuleleyo lo.

Mna: yeah mxelele tshomi.

Baye bahleka.

Mna: uzoba ngu Thamie ke k*m ngoku bhuti.

Thamie: usathi bhuti ntoni ngoba sowundinike ne nickname nje.

Mna: so uyayithanda nickname yakho entsha?

Thamie: mhh yeah ndingathi imnandi yona.

Mna: that's good ke.

Sihambe sade safika kodwa ebengathi uyagqitha liqalile lagobhoza ixhala qha kephi ebejika imoto ekuze ijonge apho sisuka khona.

Uye wayipaka kakuhle sehla nemithwalo yethu naye uye wohlika.

Alu: bye bhuti Thamie.

Mna: haaa kodwa ndim ebemnike le nickname.

Thamie: so ufuna ibenguwe wedwa ondibiza ngayo?

Mna: ha.a but yeka marn wethu.

Baye bahleka.

Alu: bye bhuti Thamie.

Thamie: haaa guys I'm only 26 years but nina nithi bhuti.

Mna: kwazi bani kaloku nina nithanda gqithi ubanesidima nifuna uhlonitshwa so nathi senza into efunwa nini.

Thamie: ohh ngongathethi ke wena ngoba nguwe ondideleleyo k*mele ngu Alungile lo uthetha lonto hayi wena.

Mna: haaa jhoo okay ke Thamie.

Baye bahleka.

Thamie: I have to go somewhere iyabe ibonane anhe.

11/01/2024

Ndaye ndamkelwa ke e University njengoba nani niyazi ukuba ndamkelwa zezininzi but mna ndakhetha ese Gauteng kuba bendifuna ubakude nje ekhaya. Ndingathi izinto bezihamba kakuhle kakhulu kwaye bendiqhuba kakuhle esikolweni nangona bendililolo nje kodwa bek*mnandi. Besinawo ke amagumbi ethu kwaye abantu bebehlala bebabini kuwo. Impilo yalapha esikolweni ndingathi imnandi kona kodwa irhawuti belingamfuni umntu ophaphayo ndikhawuleze ndaqaphela lonto apha phofu ke abanye bona bebeyingxaki nje apha ngoba baye basele utywala kubeyilonyo bangxolise imiculo nto leyo ndingavani nayo kodw besele ndibulela uthixo ngokundihlalisa nomntu ongaseliyo njengam yena ebethandeka kwaye isimilo sakhe besingamfaneli ngoba kokwabo kuyabonakala ukuba kuvuza imali kodwa yena ebezifanisa kwanamntu wonke obengafuni ukohluka kwabanye into endenze ndamthanda kukuba uyahlonipha akaziphakamisanga kwaye uyafana nam ngongabilo ngcoko ebengasoloko uyathetha kwaye nam bemdingasoloko ndiyathetha kufana nasesikolweni bendithule kodwa into ebendiyenza kuhoya incwadi zam ngoba akuncedi uloko uphaphela izinto ezikude kunawe ibe wers kemna ndiphuma kwi khaya elingathathi ntweni bendifuna ukusebenza nzima kakhulu ukuze nditshintshe isimo esi sasekhaya ndisishiye simazikizi ngasemva.

Njengoba izikolo bezivaliwe besihleli no room mate wam kuba akhange sifune uhamba ngoba zizovulwa kwamsinya izikolo.

Besisahleli apho ke singcokola.

Alungile: yazi kukhona into endifuna ukuyipheka.

Mna: yintoni leyo?

Alungile ke ngu room mate wam.

Alungile: yenye into endiyibona apha ku Instagram and ndifuna siyothenga ezizinto zigalelwayo.

Mna: okay ke khame ndiyihlamba ke.

Alu: kulungile nam ndisayohlamba.

Nyani ke senze kanjalo ndiye ndahlamba ndagqiba ukuhlamba ndiphume kwabe kanti naye ugqibile uhlamba ebemhle Sheim.

Alungile: awusemhle ntombi.

Mna: tshini ngoku mna ndibona wena.

Alungile: cacile siyabonana.

Mna: ewe ndigqibile mna singahamba.

Alungile: nam ndigqibile singahamba.

U Alungile ebena 19 kwaye emhle nomzimba wakhe umhle ebengamdanga engamfutshananga ephakathi nalapha emzimbeni ebephakathi. Siphume sayokukhwela i tax ezisingise ngase dolophini.
[HOURS LATER ]

Besele sothenga ke ezizinto azozindinga u Alu xa epheka lento afuna ukuyipheka kwaye neze desert sagqiba ushopisha siye sathenga nezinto nje ezimbalwa sagqiba. Siye ngakwicala le tax kuba sizokhwela kodwa besele lilide ithuba singayiboni kuthe gqi imoto ngesivinini yama phambi kwethu nanjengoko besiphathisene aba plastic abanye bephantsi sicofa i selula zethu kodwa kuthe koma le moto sakhawuleza sazifaka e pokothweni sajongana.

Besisuke asayazi noba sibaleke okanye sime besiphakathi kwe bhayi ne tinarha siyijongile lemoto kwaye ibintle ibizezi zanokutshu. Umqhubi wehlise efestile wasijonga nathi siye samjonga yena ebekhangeleka emdalana ke emnyamana nge bala kodwa belimfanela ibala lakhe ebemhle efana nemoto yakhe.

Lo bhuti: lift?

Siye sajongana no Alu ndinikine intloko kancinci ndisajonge ku Alu.

Alu: mrhh ha.a bhuti si right.

Uye wajonga mna lo bhuti.

Mna: ewe unyanisile bhuti si right thina.

Lobhuti ujonge phambili waphinda wasijonga.

Lobhuti: asoze ndinilimaze I promise nzonibeka kule ndawu nifuna ndinibeke kuyo.

Alu: I think ikhona imoto ezosithatha.

Lobhuti: ndithini ndinishiye ngoku ndibonayo uba nitsha lilanga that will be selfish guys come on khwelani emotweni.

Mna: no sizoba right thina qha wena susihoya.

Lobhuti: ha.a sendinibonile so andikwazi unishiya apha Cela nindithembe I will never hurt you.

Lobhuti ebecinga sizovela sithembe umntu esingamazi hayi kengoku siyaqala nditsho nok*mbona kodwa selefuna simthembe kubi kunje emhlabeni besingenokwazi kaloku iyakuba senza ububhanxa bodwa.

Alu: masikhwele.

Mna: what ?

Benditsholo ezantsi.

Alu: ndithi masikhwele.

Mna: no asikwazi ukhwela emotweni esingayazi no asikwazi tuu what if.

Lobhuti: njengoba nditshilo ukuba andisoze ndinilimaze.

Mna: yhoo bandifile mna Alu ndizozifuna kuwe uzobona.

Uhlekile lobhuti bendinovalo ngayo yonke lento.

Ndiye ndathatha i phone ka Alu ndaya ngasemva kwemoto ndizenza oyikhwela kwelinye icala ndifote le number plate ye moto ndikhawuleze ndayithumela ku malume ka Alu ndabhala umyalezo othi "uba ndikhe andaphendula phone uzuyazi ukuba ndixhuwulwe yile moto" ndayivala. Ndasole ndingena emotweni ne plastic ndanika u Alu i phone yakhe uye wandijonga wahleka kancinci.

09/01/2024

.


Bekungo January ngoku unyaka wam ndawuqala kakubi andifuni kuxoka bendisoloko ndihleli nje ekhaya noko bekubhetele kunakuqala ngoku ngoba u bhuti Liwa ebengekandiveleli oko engcwatyiwe akasandihluphi. Yona ke lanyoka andikazi ukuba yintoni Kanye eqhubekayo ngayo kwaye ndakhe ndafumana i call endifuna etilongweni le ingene umama kodwa azange ndiye ngoba ndandingayazi noba lomntu ubeqonde ukufowunela mna okanye wenze impazamo bendingazi nyani. Into edibanise nesikolo kona yonke into besele ndiyenzile bendingekasifumani kodwa bendinethemba loba xakuvulwa izikolo kungona ndizokwamkelwa ke ndaziswe bezingeka vulwa izikolo bekushota iveki enye nje zivulwe. Into ka sisi Limanye yena ebemane kuza ekhaya avakashe endiphathele izinto ezimnandi bekesele inguye yedwa ithemba lam ngoku ebenguye nomzali wam yona into yoba ndibulele umntu bendingazokwazi uk*mxelela ngoba andimazi noba angaqhubeka endikthanda okanye avele andise ejele bendizosuke ndithini ngoba kaloku noba ndingathi bendizikhusela kulamapolisa bendingasoze ndikholelwe kwaye kungathiwa ndiyaxoka ngalento yokudlwengulwa kwam ngaphandle kwalonto noba bendizikhusela ndibulele noba ndingathini kodwa ekugqibeleni ndikhuphe umphefumlo womntu.

Bendisandoku hlamba bekushushu kenamhlanje kwaye kukho nomoyana omnandi nje. Ndichithe amanzi ebendihlamba ndabeka ikomi ndathatha isitulo ndachopha phandle emthunzini into yodibana nabantu ibindenzela isazela kuba bekungathi bayandibona ukuba ndabulala umntu bendiqala ukuzisola kanje empilweni yam lento ndiyenzileyo ibiyinto enkulu kona andiqondi nokuba uthixo angaze andixolele ngesimo endisenzileyo kodwa bendingacami bendiguqa ndithandaze ndimcele uthixo andixolele kento endiyenzileyo nam andiziqhenyi ngayo. Nak*m bekungasoze kubemnandi xa owam utata ebulewe nangona ndingamazi nje kodwa bekungeke kubemnandi tuu nanjengoko nam ndingazange ndicinge phambi koba ndenze ngoba watsho ubhuti Liwa ukuba unomntwana ekufuneka amnakekele kodwa mna ndakhetha uk*mbulala.

Kona inzondo yam ngak*mama ibiya isanda kakhulu andifuni kuxoka bendimzonda owam umama nanjengoko ebumoshile ubomi ba akagqibelisanga apho wandishwabulela into ibilapha intlizweni yam ibiya ikhulu usuku nosuku Uba mna ndingafakwa endlini eyodwa nomama sivalelwe ndiyathembisa bekuyakuba khona isidumbu esiphumayo phakathi kwethi because I'm sure naye uyandizonda.

Bendihleli ndizicingela ezongxaki zam ngokungathi andingomntwana Kona mininzi imibuzo yam ngak*mama kwaye endinga uphendulwa nguye ndinga uyazi le nzondo engaka anayo ngak*m ibangelwa yintoni. Yintoni Kanye, kanye le ndamenza Yona kocaba uzandizonda kangaka. Ndinje njee nguye lo kwaye noba angavuya xa enokundibona ndingulomntu ndinguye ngoba kakade kudala efuna undiguqula andenze esisilwanyana asiso yena esingena ntliziyo, esingena thando nenkathalo kanti ke ukwazile undiguqula andenze esisilwanyana asiso noba kungathiwa mandiye ndiyombona ndingenza nantoni na uk*mlimaza ngoba ubumoshile ubomi bam kakhulu futhi.

Bendinodlame nhe? Hayi nam bendizibona kodwa Yona inzondo yiyo le ibindisebenza. Zange ndakhendayicinga ukuba ndizothi ndimncimnci kanje ndibe sele ndinegazi ezandleni zam kona usathana akahlulwanto ek*mguquleni umntu yazi. Noba umama sele ecinga ukuba ndasweleka ngoba kaloku ungolo othuma abantu uba mabazobulala inzala yakhe khona wakhe wakho phi umfazi onomntwana kodwa akananimba ade athi undifuna ndifile kanti undonakalisile owam umzali andiqondi noba ndaze ndikwazi uk*mjonga ndimbize mama kodwa selesuka nofuna ndibulawe.

Ndithe okujonga ilanga besele lisiya kunina ngoku andiqaphelanga nalonto kwaye bekuya kubanda apha phandle ixesha belikhawuleza ngalomzumzu ndihleli phandle sekuleqa ubasebusuku phofu ndingulo oko ebecinga into engenasiphelo. Ndingene endlwini ndabe sele ndivala ucango bendisonqena kona upheka kwaye besikhona sona isonka bendiyakutya sona namaqanda. Ndivale efestile ne khethin kodwa ndibone into ethi tshe khange ndiyihoye ndiqhube nebendiyenza ndiye ndahlala phantsi ndabe sele ndijonga i fown yam bekukho umyalezo ndingena kuwo bendamkelwe kwizikolo ezininzi nanjengoko nam bendifake kwezi ninzi ndiphakame apho ndaxhumaxhuma luvuyo izinto zona bendiyakuzifaka xakuvulwe izikolo bendivuye kakhulu andifuni kuxoka bendixolile entlizweni noko ibikhona into endihambela kakuhle.

I'm back !!! Zithandwa .
Xolweni ngonilindisa isidala sento but ngoku ndibuyile .πŸ’‹

Comment
share
invite
like

Love you all .
πŸ’‹ β€’β€’β€’ mncwaa .

01/01/2024

Happy new year Zithandwa zam ndanithanda kwaye nilonwabele usuku lenu uthixo anifihle ezintweni ezimbi be safe bantu abahle .πŸ’₯πŸŽ‰πŸ”₯❀️

Xolweni ngongabhali intsuku ezininzi bendixakeke kakhulu. πŸ₯Ί

25/12/2023

Merry Christmas to y'all ❀️zithandwa zam enjoy with your family and friends be happy and plz be safe uthixo anikhusele ezintweni ezimbi ndinithanda nonke .β€οΈπŸŽ‰πŸ₯°

22/12/2023

Please guys help me to share my story to your groups and invite your friends β€οΈπŸ™ There's more coming kulomzi 🀞.

Want your business to be the top-listed Beauty Salon in East London?
Click here to claim your Sponsored Listing.

Category

Website

Address


East London