Amabali Z.K.M
. PLEASE SUPPORT MY PAGE❤️🙏
uBethusile ebekwi live yakhe njengoba Kuzoba ngu December next mont, ebehlala no Ncebakazi kunye nomntwana wabo noko ebesekhula kulonyaka usayo uzakuqala i cresh
Ncebakazi: Daddy soloko kusile awukathethi nam ingaba ikhona into ekutyayo sthandwa sam
Bethusile: Nha ndiryt Ncebakazi
Ncebakazi: oh izinto zomntana awuzilibelang kule Nyanga ? Ndibona ingathi zizophela leveki ingeka pheli
Bethusile: thatha nantsiya imali edrawni
Ncebakazi: Okay babe ndikuphathele ntoni eTown
Bethusile: ndiryt andifuni nto
Ncebakazi: okay ndyamshiya ke umntwana
Bethusile: sure (Yoo zange ndakruquka kanje , khona inoba ngom lomntana nxx )
Uhambile uNcebsi ke esiya eTown kushiyeke uBethusile ehleli nomntwana
Mbulelo pov:
"Umbulelo udibana no Lonwabo osuka emsebenzin"
Mbulelo: eey loid ukhona Kanti
Lonwabo: eyy ndikhon bhuti , wena ubuye Nini ejele
Mbulelo: eey ndzogqiba 3 weeks ndikhona apha
Lonwabo: yo uzifihlile mos Kuba ndingumntu ozulayo mna bendingeno ngakuboni nxa ubungazifihlanga
Mbulelo: eey ndingathin na Ntwana after yonke lento ndayenza ebantwaneni bam naseMfazini wam ,, ndoyika nozula Kuba ndiyayazi abahlali abakaxoli kwaye ngomgqibelo ndizakohlwaywa eyoba kanjani nam andiyazi
Lonwabo: yo bhuti ndyakuva kodwa yinton le yakungenay ude wenze ngelahlobo kwi family yakho owawuyithanda kanje
Mbulelo: ziziyobisi ntwana kodwa ndyakuthambisa soze undibone nditshaya ne fegi ngoku , ejele ndifundiswe isifundo bandohlwaye ngeyona ndlela endenze ndazonyaya iziyobisi
Lonwabo: Masithemb njalo bhuti, mhlawumbi bayakuthemba abahlali nxa usithi utshintshile
Mbulelo: ewe bhuti , caba kwayiwaphi kwa Ndungwana lento amacango avalwayo
Lonwabo: (ethukile) eeemm...eey.. ndingathin na bhuti basweleka abantu bapha
Mbulelo: bonke? Okanye ngabantu abadala bodwa
Lonwabo: bonke bhuti kushiyeke uNontle yedwa pha kodwa ke akasahlali apha naye use Kapa samgqibela ngezingcwabo
Mbulelo: yoe no Msimelelo lo?
Lonwabo: Ngoyena ofe kuqala abazali babulawe kuva ezondaba ...
I wonder who's Xolela ? ❤️🤣
My lovely people please come back ndibuyile nam❤️❤️🥺
ISAHLUKO 21:
Kuyi weekend vele so akuphangelwa , uZikhona uvuka umntu wakhe engekho ..
Zikhona : eeeh babe ! Babe ! ( Khange kusabele mntu , into ethi akhekho apha endlin uXolela .. haike uvuke wa clean uGirl wenza washing , wahlamba , wapheka ixesha bekungo 3pm )
Xolela : Heyy babe ,sorry ngohamb ndingatshong uba ndiyaphi i have some small meeting i have to attend early in the morning
Zikhona : you didn't left even a message babe?
Xolela : sorry my love ,are you angry? (encuma)
Zikhona: (I don't know why encuma Boz ndiqumbile mna qha ke umntwam once ancume ndivele ndimoyizel) Ewe bbe ndiqumbile
Xolela : but nxa andiqumbele atsho uba "bbe"
Zikhona : mxxm (endibamba ngesandla)
Xolela : bhabha why singavele sitshate ? Like sekulithuba sisazana I'm ready to take you as my wife
Zikhona: Are serious you know my story moss ?
Xolela: sthandwa sam trust me mna soze ndikwenze ukungcola it's been 3 years sijola andikaze ndakubeka even isandla my love please allow me to marry you bbe
Zikhona : babe! ( Ow Lord lomfana why ebesekhuphe i Ring already eguqe ngedolo)
Xolela : Can you please....
Zikhona: yes ! Yes.. ( zisehla inyambezi ,, eey Nkosi i hope ndizokonwaba ke kulona umtshato but i trust him)
Xolela: thank you so much babe ( He lifted me up ejikeleza nam )
Zikhona: babe imbiza
Xolela: just turn that off I need you I'm my room (encumile)
Zikhona: it's very hot today for that babe ( ndijonga ngalamehlo wam Makhulu)
Xolela: My name is Xolela so i forgive you only for now ebusuku it's a must ndidlale alk bbe ,this is a big day a prop day
Zikhona: prop means proposal moss
Xolela: that's why i like you you too smart babe (ehleka ) let me go and take a shower
Zikhona: okay bbe ( mmh oko ndimane ndibuka ring yam kesana ngok ndigqibezela upheka , I was happy but at the same time i was scared .. i would Ntokozo react nxandimxelela lento)..
Please react❤️
ISAHLUKO 20
uNqaba no Bulumko bebonwabile behlala no Malume wabo kunye nomfazi kaMalume wabo ngexesha uZikhona wafumana umsebenzi eFree state kodwa vele besele kusondele uDecember uzobuyela kowabo ebantwaneni bakhe , ebebathumelela imali ke qho nxa erholile .uZikhona ke Sele efumene isoka e free state ogama lingu Xolela
uZikhona uphuma emsebenzin ke njengesiqhelo indoda yakhe izomlanda ,
Zikhona: Afternoon babe
Xolela: Hey
Zikhona : How was your day , why you so down today ?
Xolela : nha I'm fine babe it's just that im tired i had a long day
Zikhona : are you sure..
Xolela : yep
Zikhona: oh... Ouhk if you say so
Xolela : so you're left with 2 weeks My love?
Zikhona: yeah i can't wait to see my babies
Xolela : mmh yeah i see , i will miss by the way
Zikhona: I will miss you too bbe ( eey lomfana uske wandixaka kenamhlanje because why na , mhlamb akafun ndihambe then makatsho ndizozisa abantwana bam K*m for u December wonke )
Mbulelo's pov:
Eey ndiyizule yonke iNgcobo but andibafumani oZikhona nakowabo ezilalin abekho kuthwa bamka kudala and abasabuyi kwabona eey Nkosi yam sendirhalela ubona uBulumko cause ndi sure nguye yedwa osaphilayo abanye abasaphili for sure but ke uthixo uyakundixolela nam ndandingazenzang ndenziwa zi drugs
Mbulelo : Hey sis unjn
A girl : ndyaphil unjn
Mbulelo : ndyaphila nam ,ndikhangel usisi ekuthwa ngu Zikhona mhlambi unganalo ulwazi lokuba uphi
A girl: then wena ungubn?
Mbulelo: oh sorry ndingu Mbulelo uMyeni wakhe qha bendibanjiwe so ndisandophuma kwaye andimazi uba wayaphi..
A girl : Hai andimazi bhuti kwaye noba bendimazi bendingenokwaz ukuxelela Kuba andiyaz uba umfuna ngasini
Mbulelo : Kulungile Sisi (uMbulelo wancama wagoduka sekuhlwile , wathenga nje izinto ezimbalwa azidingayo endlin wagoduka )
Please react:
ISAHLUKO 19 :
After 5 years
umbulelo usandophuma ejele kwaye uzixelele ngokhangela umfazi wakhe uZikhona ,acele uxolo ukuze bazobuyela emzini wabo.. kusekuseni ngulesihlanu umbulelo ugqibo hlamba Kuba esithi uya edolophini kufika uTshawe
Tshawe : tshinn nguwe Kanti lo uphume njani ejele ? K*mele ndizixelele abahlali kele
Mbulelo : ndim Kanye xhego ndikhutshiwe Kuba bensiziphethe kakuhle ejele kodwa ungabaxelela abahlali ndizokusamkela isohlwayo abayakunika Sona
Tshawe: kuzakufuneka utshintshe indlela zakho mfana wam ukuba awufuni ukuphulukana nobomi use mncinci
Mbulelo: ndiyathembisa bawo ndibuyile nje ndizolungisa wonke amaphutha wam, kwaye ndizimisele ngokwenzaa ubulungiswa kunjalo nje ndiyolanda unkosikazi wam
Tshawe: emva kokubulala abantwana bonke ucinga angakuxolela uZikhona ? Asoze
Mbulelo : kungcono ndihluleke ndizamile bawo , mandikushiye ndingashiywa lixesha (uhambile umbulelo uTshawe Oko ehambe ekhuza yedwa apha endlelen engakholelwa)
Tshawe : (ekhwaza) yeGcina ntangam khawusondele apha
Gcina: iyawa yinton ekusen ? Kuzawuthiwa singabafazi kuthi kuvukwa sesime emacingweni sithetha indaba zolwimi
Tshawe: isuka ndibahoye nganton abantu mna
Gcina: (ehleka) khawutsho ke ntangam
Tshawe: yebhuti ibuyile le twana ka Rhoqo
Gcina: (esothuka) Haibo ! suxoka njani iminyaka yakhe yesigwebo seyiphelile?
Tshawe: uthe K*m nxandimbuza ubuyisiwe kuba eziphethe kakuhle pha ngaphakathi ,uthe uzocela uxolo ekuhlalen isohlwayo asinikwayo uzakusamkela nokuba sinjani na , uyophuthuma umkakhe ndithetha nawe nje
Gcina : yoo asikhuselekanga bhuti letwana ayingqondo le ingasigwinta Sonke kule lali oh uMarhudulu uyawubhubha okuva kwakhe ezindaba
Tshawe : inoba uyawumxelela ngokwakho Kuba mna andikafun ulilelwa nguMarhudulu
Gcina: uyamazi uMayirha ngogobhoza mandiveke ndimxelele ngokwam icebo
Tshawe: kulungile sawubuye sibonane khendiyovulela igusha
Gcina: kulungile bawo (uhambile uTshawe)
Please react❤️
ISAHLUKO 18:
"uvukile ekusen uYanelisa walungiselela ukuya eskolwen bekungo 9 wavalelisa kwinyombi ka Themba,"
Yanelisa: ndisemkile keesisi andyaz noba ndizophumel apha na nxandibuy eskolwen okanye ndizoya kwa Tata
Lentombi: Hai Kulungile Ntombi ndizobe ndikulindile mna
Yanelisa: uBhut' themba uphi
Lentombi: yo ubuye ebusuku waphinda wavuka ekuseni wemka
Yanelisa: oh ok(uhambile ke kodwa Kona ukoyika bekuse khona Kuba uzo sebenzisa i texi ukuya eskolwen)
Rhadebe : eey gents ubumhle umsebenzi and u Clean phoff ke besingoban for ukwenz izinto ezi week . so ndicinga singathi sah ngok mpuku nganye emgxunyen wayo , ndizakhe ndibebunqab ikhona ingxaki endinayo kuzofuneka nditsibe ezilalin nge mpela Nyanga kuyonakala
Themba: Mo's uyayaz soze uhambe wedwa ndizohamba nawe
Mlu: ndicela kuhambe mna kweli ityeli
Themba: Gwaa i week wena awunokunga pha
Mlu: Hee uyandi test ingxaki ndinzima kakhulu mna phoff uyandazi Mntomkhulu
Rhadebe: Andiyi mfazweni pha ndiyokwenza izinto ze family
Mlu: Hai Kulungile ke
"uMlu ibingomny wogxa Waka Rhadebe, uYanelisa ubesendlelen esingise endlin yakhe ebenamanwele esoyika kodwa wazixelela ukuba uyaya noba kunjani"
(Kukhala umnxeba wakhe)
Yanelisa: hello
Oyama: Mzala unjn
Yanelisa: ndiphile elohlotyana kodwa ndiyoyika
Oyama: uphi ngok
Yanelisa: ndiya endlin yam
Oyama: okay unditsalelle ofika kwakho ke
Yanelisa: Sho( ecima i phone)
"Uthe nxa engena e Gatin wabona i festile ivuliwe kulendlu yakhe ,kwabe kukho umheza phandle ehlamba imoto"
Yanelisa: molweni mheza
Mheza: Hi ,caba ulelephi na
Yanelisa: Kwa tata bhuti
Mheza: yhoo inoba ubulele kamnandi wena thina asilalanga ngumculo wobhuti bakho izolo
Yanelisa: bebefikile na Haibo yaz khange batsho ke uba bayeza ,khona bavule njani ndimke ne skey
Mheza : bathe banazo i ztixo zalapha nxasibabuza
Yanelisa: oh okay ke i wonder abamoshang na
Mheza: ngena ujonge
Yanelisa: okay ke mheza
Please react and Comment ❤️🙏
.Ndicela umntu nxa egqibo funda aReact kwazba ndibone bakhona abantu abalifunday elibali 🙏🙏
ISAHLUKO 17 :
"Kusezilalini uMarhudulu sewahlala noLoyiso kuphela Loyiso lowo uya eNyuvesi kulonyaka uzayo"
Loyiso: Mama uxakekile ? Ndifuna ukuthetha nawe
Marhudulu: iyawa yinton ndingena Mali nje Loyiso
Loyiso: (ehleka) haibo Mama andizukufuna Mali ndifuna ukubalisela ngephupha lam
Marhudulu: oh khawutsho ke ndimamele
Loyiso : Niphuphe ndisemfazweni Mama kwaye kulemfazwe kubhubhe wonke umntu bendihamba naye kwashek mna ndedwa , ingathi ndiyaleqwa kwaye kunzima ubaleka ndisindwa izihlangu , ndithe nxa ndikufuphi nomfula ndawubona uvuleka ubamkhulu nxandinyeka ngemva balufuphi abantu ndazama ukuziphosa kulamanzi kodwa amke nam enditsarha kulapho ndothuke khona kwaye impumlo zam bendiphuma igazi ndinoloyiko Mama Kuba andiyazi lisingisephi Na eliphupha
Marhudulu: Hai ndoda kusezonyiwa uba kunjalo , cacileyo ukuba baninzi abantu abasileqayo kwelikhaya, Haibo sileqelwani na sizihluphekela Nkosi yam
Loyiso: yo khange ndiyicinge uba lingathetha lonto eliphupha , kengok nizofan nonke kushiyeke mna apha ekhaya?
Marhudulu: ingenzeka kodwa andiyazi mntanam andifun noyicinga
Loyiso: Yoo kazi sone bani thina
Marhudulu: Hai zizinto nje zesimnyama ezi , zizinto zangabom Kuba zange zamosha mntu thina kodwa sizofa kabuhlungu sifela into engaziwayo
Loyiso: khathi khendiyozam ufownela uTata
Marhudulu: mzame emalanga akakwazi uthetha ne fowni lamaxesha inoba kuzeke ekule meeting yakhe
Loyiso: Kulungile ke mandibe ndifunda ke
*eGoli*
Themba: Haibo ixesha limkile ngok ziya Ku 6 mandihambe akanobasafika lomntu
Yanelisa: unesiqiniseko salonto , ? Ndicela undise kwatata torho ungandishiyi apha ndyakucela
Themba : yoh utatakho uyayisebenzisa indlu namhlanje awunokwazi uyolala pha Ngcono ndikuse kwam
Yanelisa: Kulungile kodwa uze umazise ukuba ndiyolala kwakho
Themba : akhongxaki
"Uthethe izinto azozinxiba nxa esiya eskolwen ngomso wayokhwela emotweni , bafikile Kwa Themba kukho inkazana ka Themba enosana oluncinci ufike wamazisa uthemba kulentombi haike bahleli ke bancokola loncokwana wacela uyokulala uYanelisa"
Rhadebe: Nyana ndise busy marn mandikutsalele ngomso bhuti ( ubetsho kuloyiso kwi call)
Loyiso: Kulungile Tata( haike mandizame ubhuti okanye uSisi)
Lonwabo: Boy unjn
Loyiso: kuhle bhuti unjn
Lonwabo: kuhle yini ndicingwe nanguwe namhlanje (ehleka)
Loyiso: ndifuna ukubalisela ngephuphala (umbalisel lonke)
Lonwabo: ubaxelel abantu abadala
Loyiso : ewe kodwa utata uthe u busy uzo fowna ngomso
Lonwabo: Ndizoke ndimzame noba ndimenzele vn utata azame ukuhla nge mpela Nyanga sidikide lomba
Loyiso: Kulungile bhuti mandilale ndiyobhala ngomso
Lonwabo: ubhale kakuhle bhuti ungazi stress ngezinto kuzolunga
Loyiso : ndyabulela (ecima i fown)
Please react ❤️🙏
Comment❤️🙏
ISAHLUKO 16 :
Haike iminyaka iqengqelekile keuYanelisa ebesele esenza unyaka wakhe wokugqibela kwi Electrical engineering ebevana le no Mzala wakhe uOyama bebesoloko bancokola emnxebeni nxa befumana ithuba
*Kunge cawe uYanelisa ugqibo kwenza i washing uzingqengqele umamele umzimba uve nge call*
YANELISA: Hello
Voice : Nana unjn
YANELISA : ndyaphila unjani
Voice : kuhle sthandwa sam itheni ingathi awundaz nje
YANELISA: ewe andikwazi unguban
Voice: icebo masidibane ngo 15:45 namhlanje uzozibonella ukuba ndingubani
YANELISA: Hai andinokwazi ukudibana nomntu endingamaziyo mna
Voice: (ehleka) Haibo uzotsho undazi kaloku , phoff uyandazi qha undilibele awuyiva ne voice Na
YANELISA: uxolo bhuti usale kakuhle
Voice : ungakulinge i drop(we) kelo phone okanye sizoxabana
YANELISA: khowundiyeke ! (Uyibeke pha la phone engcangcazela kukoyika , ubengahlali res uYanelisa koko ubehlala kwi flets zikatata wakhe .. uphakame wayovala umnyango watixa)
".Kazi nguban lo eyifumene njani i number yam , ukhawuleze wabhalela uOyama "
YANELISA: Mzala ndiyoyika kukho umntu ondifowneley uthi ufuna undibona ngon15:45 namhlanje
Oyama: ngumntu oyinton lowo
Yanelisa: yindoda mntase kwaye ndiyoyika mna what if uzondilimaza
Oyama: Ubusowumxelel utatakho
Yanelisa: Hai khome ndimzame ngok
Oyama: okay ubuyele k*m ke
"Inoba ufowne kathathu i fown engayibambi , deyabanjwa exeshen"
Rhadebe: Ntombi ndise busy ufowne ngo 5....
Yanelisa: ungacimi tata kukho umntu ofuna undonzakalisa kwaye ndiyoyika mna uthi ufuna sidibane ngo 15:45
Rhadebe: Yoo khowundinik 10 minutes (e drop)
"Ukhaleze watsalela u Mhlobo1 igama lakhe ngu Themba umhlobo2 ngu Mongameli"
Rhadebe: T Man umntwana wam use ngxaki leqa uye kuye
Themba : Sure (khange alinde uThemba uxhabashe umcimbi wakhe wayibetha yancinci eya ku Yanelisa)Knock ! Knock! Ndim uThemba Vula
Yanelisa: (amehlo ebebomvu kukhala) Yo enkosi ngofika ndiyoyika
Themba: khululeka ndikhona akhonto izokwenzeka
Please react ❤️🙏
Comment ❤️🙏
Ndibuyile guys isahluko 16 sisendlelen❤️🙏
Please react❤️❤️❤️
. ISAHLUKO 15 :
Ngenene uNceku wakhupha u Lonwabo emotweni urhadebe akayakanga uthetha uthi mabakhawlezise bendze lento bayifunayo ,uSpha abambonang Kuba ubezimile nge Moto
Nceku : Yebawo kunganjani nxasinohamba nazo ezi way
Bawo: siyenabo phi uske uphambane kalewena bulalalani ezinto Majita sihamben kuzode kuse
Haike kukhale ukhaxa khaxa wezibam bekhokha Kuba bezaba Dubula uthe esalaba uNceku 1.. 2.. kwavakala ilizwi emva kwabo
Voice : eey kuqhubekan apha? Wonke umntu makabeke isbham phantsi (ngenene benze njalo bonke, bathe nxabemjonga ngufananyana mos lo uba gwajisayo)
Bawo: eeshe side soyikiswe yi lighty Haiska yezan usebenzi madoda akhonto angayenza Kuthi lo
Voice: unesiqinisekoo sayolembudane uyithethayo?
Bawo: Ncam utsho ephakama
Khange k*memizuzu zitsho zantathu imbumbulu Ku Bawo wabuyela phantsi
Nceku: Oyhini Mkhuluwa ndingahamba kwalapha eAfrica nxa unondiyeka ndyakucela
Voice: thulaa! utsho emnika ezakhe ezintathu imbumbulu kwathi cwaka ,kushiyeke amadoda amathathu
Voice: Majita ngabenu aba ,(kuvumbuke uSpha ,kunye nomhlobo omnye .. haike benze njalo nabo bekuligazi nje kulendawo)
Rhadebe: Ow Bendiyazi akhonto inokwenzeka ndiphethe Nina Danko Majita masambeni kuzode kuvukwe kwam
Mhlobo 1: uyayaz kwakudala thina ansohlulwa nto (ehleka) (bafake uLonwabo emotwen bayibetha yancici ubuyela ekhaya amajita abuye eHotel)
Marhudulu: Yinton wangena sewunyonyoba kunini ndikukhangela usukaphi
Rhadebe: Hai phola nkosikazi bendiyokwenza okukungile
Marhudulu:Awzuthetha kengok ?
Rhadebe : khawume ndisayohlamba
Marhudulu: ngamanzi abandayo? (Akamhoyanga urhadebe uphumile eya kwigumbi lohlambel wahlamba wagqiba , uLonwabo uhambe kunye nabahlobo bakayise)
Umhlobo1: Haibo braz isdumbu salamjita sisese bhuthin
Lonwabo: (othukile) isdumbu ? sesikaban
Umhlobo1: lomjita ebekuthumbile
Lonwabo: nimbulele? (Ehleka) Mwaa uzophinda a uke nje nizisokolisile bekufanba ndimthumbile naye
Mhlobo 1: utsho uthini na khawucise
Lonwabo: kudalal kwathwa ufile kodwa emva kwexeshana umbone sekhona pha elalin
Mhlobo1: yooh into ethetha uba lempi aklyikazuphela gcono Niue eGoli ke
Lonwabo: Hai mna ndibuyel edurban ndiyocenga ubuyela emsebenzin
Mhlobo 1:oh nguwe lo Doctor utatakho asingxolella ngayo
Lonwabo: ewe ndim bra
Mhlobo2 : Lomjita unizungeza ntoni kowenu
Lonwabo: andiyazi Kuba akhomntu okhe waxabana naye ekhaya
Mhlobo2: Hai makavuke azuxela lento imenza enze lento ebantwini bengamenzanganto
Lonwabo: Caba animoyiki ?
Mhlobo2: eeh usithatha Njan namfana wam asinokoyikiswa ngenyoka efileyo thina
(Bebhleli ke behleka kuncokolwa kungakhonto ingathi ibikhona uye watya uLonwabo noko ebenawo Amandla ngok)
.ISAHLUKO 14
"Uthe esaphuma uNjanini wavangezibham emlenzeni ibingu RHADEBE lowo"
NJANDINI : Haibo ndenzeni unguban wena ?
RHADEBE: uphi unyana wam?
NJANDINI: Andimazi unguban wen
RHADEBE: Lonwabo! Lonwabo !
Lonwabo: Tata ndingapha ( ebetsho ngovuyo)
NJANDINI: akho Lonwabo marn wena sathana apha
RHADEBE: Spha uyaliva elolizwi ngena kulomqolomba ujonge khona thatha I touch emotwen (wenzenjalo uSpha)iphi lenkwenkwe yakho?
NJANDINI: Yey andiyaz noba uthetha nganton mna ndisuko kaka mna
RHADEBE: Mbondikhombis apho uKake khona
NJANDINI: Kusebusuku andiboyibon ngok , nam andisakhumbuli uba bendiphi
RHADEBE: Rest easy ke bhabha ( uzitsho zantathu imbumbulu ku Njandini uRhadebe kwathi cwaka)
SPHA: Nanku Tata ndimfumene
RHADEBE; Mfake emotwen ndizame utsalela lamajita (uvumile u Spha. Ithe ingekabanjw kwalo mxesha kwathi gqi imotwana encinci kuphuma amadoda amane ephethe izibham)
RHADEBE: Haibo kwenzekan apha?
SPHA: (usoske wazimela ngemoto ekhokha uwakhe umpu) Lonwabo ukulungele ukusebenzisa izibham ?
Lonwabo: andinamandla
SPHA: Jonga apha emva kwestulo ikhon I gun , uba kwenzekil baze kuwe ukwazi uzikhusel
Lonwabo: Kulungile ( wenze njalo)
RHADEBE: (ubesabeke umnxeba endlebeni othukile) ingaba zibuleww inkabi zam Hai! Hai!! soze
Omnye kulamadoda: ,(emkhomba ngesbham) phantsi isbham, nawe uguqe ngamadolo izandla ziye phezulu
RHADEBE: Ngenxa yanton
LENDODA: Jonga ke Tamkhulu andizube ndiphikisana nawe uyeva
RHADEBE: kungoba uzokwenzn ( eqweba izibindi)
LENDODA: (ehleka) tshini uyandibuza lomfo caba undibona ndi week
RHADEBE: uStrong ke?
LENDODA: Yey futsek wena ndithi idolo phantsi ! (Ngomsindo)
RHADEBE: Kho try boy ubone kokwenzek nton .
*********
MHLOBO 1: yengwenya masibulale lenja boz kuyacaca asizuya apho sifuna uyakhona
MHLOBO 2 : Sho (zitsho kahlanu imbumbulu ku Msimelelo Gqiba bamfaka ebhutini batsalela uSpha) Spha niphi ?
SPHA : (ehlebeza) Ngena ki Whatsapp (wamsendel live location)
LENDODA: oh uhamba namahlakani awuwedwanga yilonto upetsula
RHADEBE: Jonga boy yenza lento uyizele apha sigcwale ngawe
LENDODA: (ibisondela ngase Motweni) Yey phuma emotwen ndoda phuma!
LONWABO: Andinamandla
LENDODA: Nceku yizokhupha lomntu uthi akanamandla (uNceku ngomnye walamadoda)
Nceku: Kulungile bafo
>PLEASE REACT❤️🙏
> SHARE ❤️🙏
>COMMENT❤️🙏
Click here to claim your Sponsored Listing.
Category
Address
Milnerton