Ukuba bendisazi

Ukuba bendisazi

Share

Injongo yam kukufundisa nokulumnkisa abantu ngezinto esihlangana nazo singazi ukuba ekugqibeleni zizosibekaphi

12/02/2026

part 2 uthando kanti liqiniso na?

wathi k*m Sisi ndiyaxolisa ndathi ngantoni wathi ngalento ndikwenze yona ndimithiswe yindoda yakho ndaqala ndabanjwa yinkantsi ndava ukuba kukhona umthambo osemva kwendlebe obuhlungu

wandiphaphela amanzi ndasela ndathi mtaka mama wena ukhuliswe ndim ndakuthanda ndakuxhasa ndikucebisa nangendlela yokuphila kodwa yintoni le undenza yona

eloxesha akekho umyeni wam.ndamlinda wabuya ndamphekela amanzi wahlamba ndamcela ukuba sihlale phantsi wahlala naye ke usisi wahlala sadla sonke ndambuza ke umyeni wam ukuba angaziva njan xa enova kusithiwa ndimithiswe ngubhuti wakhe

wajongaphantsi usisi watsarhwa kukutya umyeni wam ndamkhelela amanzi wasela ndathi kuye ndilinde impendulo wantantazela wathi yima babe uwucinge kanjan lombuzo ndathi ndifuna impendulo

wathi rha angahamba kwam atshiyeke nalobhuti wam kucacile ukuba akandithandi mos xa enjalo xa ndijonga usisi ziyehla inyembezi uyakhala

ndamanga ndathi ngxesi sisi ayikho into engadluli nale iyedlula ndicela siye endini yam ndindipakitshise imithwalo yam ndigoduke wathi umyeni ngoba awuyindawo kwenzekeni kanti ndathi ndenza lento ingenziwa kuwe xa mna ndimithe umntwana kabhuti wakho

ndinitshiya ngoxolo kodwa sisi wam uyazi ukuba lento yenziwe k*m yilendoda ingayenza nakuwe kulungile ndabatshiya ndafika ekhaya wabuza umama ndathi ndicela ukungamphenduli wabuza utata ndathi ndicela ukungamphenduli

kwazofika abantu bakulomyeni bezolindilanda phofu emva kwethuba ndaliqala phantsi ibali....ndiyebuya✍️

12/02/2026

Uthando kanti liqiniso na? ndicela nimamele nime ngophendula.

igama lam ndinguSisipho ndadibana naye uthembelani eshop sancokola nje kancinci laphela ixesha wacela ino yam ndamnika wacela uthando ndamxelela ukuba ndihluk*mezekile ethandweni ndicela angayithinti nje leyondawo

wangathi uvile waqhubeka wathi imphatha kakubi lento uyandithanda yena ucela ndimphe ithuba uyathembisa akazodlala ngam

uzondinakelela uzobayindoda ngoba naye ulimele ethandweni kodwa uyifundile indlela yokuphatha umntu ongusisi kona kona uphoxakele ucela ndimphe ithuba azibonakalise

ndamcela ukuba andiphe ithuba ndicinge ndizobuya andimphe ithuba ndibuye ndimphendule wacela ukundikhupha ndavuma saphuma ngoku sipha wathetha yonke lento ikuye ndaziva sendimnika ithuba

yangumntu onenjongo ezintle ngam ofuna nokunditshata ndathi makame ngezondawo sizokuzibona as ixesha lihamba.wavuma phofu ephangela njee emsebenzini

erhola lomali incinci kodwa besisonela yiyo wathi masiphume siyizihlalela ndathi ayivumelekanga lonto ekhaya waphinda wathetha ngomtshato futhi ndavuma ke ngoba ndiyayibona ingathi uyayithanda lento

ude athi ndim ndodwa kuye phofu nam yabe indim ndodwa kuye wenza ke indlela yokudibana nabazali bam ndalotyolwa ndahlala ke naye.kubane kusiza usister wam kulendlu yethu ahlale nathi

engenangxiki nalonto umyeni futhi kuthe ekuhambeni kwethuba ndambona ese akaqheleka usisi wam ebanentloni nangam ukuba ndingene bethetha nomyeni wam bayathula

yalala ingqondo yaqhubeka lento kanti bayajola wakhulelwa usisi wam wathi kuba engazi ukuba uzosisaphi isisu wahlala naso phofu xa ebuzwa uvele alile

wazincama ngenye imini weza k*m wathi sisi ndiyaxolisa ndathi ngantoni wathi ngayo yonke into endiyenze kuwe ndathi yintoni yona wathi nam ndohlula kele bendizama....ndiyebuya✍️

26/10/2025

mhlobo wam:2 waqhubeka usiya wamcebisa esithi oku kokuba upase u10 ke bro ubone ke ukuba uyaqhubeleka na or yabo.wavuma uzwelethu ngokuqhuba neskolo.

kodwa ento ethi ukupasa kwakhe u 10 uzoyophangela ayeke ukufunda afunda lamadoda engalali ngelixesha elungiselala ukubhala imviwo zebanga letshumi

bapasa ke bobabini wapasa kakuhle kakhulu uzwelethu zamfuna zonke i university zimthembisa ngok*mbhatalela into yonke kwizifundo zakhe.eloxesha usiyamthanda upasenje yena abantu bakowabo bamfaka emsebenzini

uzwelethu wakhetha ukwenza i Tearching bamcebisa abantu wathi ndiyekeni ndenze lento isegazini k*m ndiyithandayo
bamyeka waqhubeka nayo wayipasa wafuna umsebenzi

nawo wawufumana kwisikole ebefundisa kuso ebebabona abantwana abahluphekayo abakhuthaze abomeleze abavuselele ngamazwi ngoba uyayazi lento athetha ngayo

waphangela inyanga zambalwa wathenga imoto uzwelethu eloxesha umzi wakowabo akakawokhi.watha isikhiya sayo wasifaka kwelakhalibothi le tafis

wakhangela usiyamthanda wamfuna esemsebenzini wamcela bucala wamnika i khalibothi le thafis wathi uyakhumbula mfethu undinika elikhalibothi bahleke lonto ke athi usiya into zokhula

athi uzwelethu lelakho siya elibox lithathe athi usiya andisafundi mna boy ndiryt athi uzwe thatha mfethi ndiyakucenga athi usiya nika umntwana osafundayo mfo

athi zwe thatha bro alithathe ke usiya xa elivula ntlaa ngesikhiya semoto athi haybo zwe br.athi uzwe ayikhonto ebendingakubulela ngayo bro ndicinge ndancama.ngalemoto ndiyabulela ndlela oye wayiyo k*m

ngaphandle kwakho bendingenoqhubeka neskolo balilelana bahagana.ndiyebuya nhe✍️

26/10/2025

mhlobo wam:1 Bebefuna Kwiskolo esinye uzwelethu noSiyamthanda usiyamthanda kowabo kukho yonke into.uzwelethu kowabo kuhlutshekwa

bafika bavana eskolweni eloxesha usiya uyabetheka ezifundweni uzwelethu uyapasa.babencedisana ezifundweni engaphakamanga usiya imali ayiphiwa kowabo eyitya nozwe

yaqhubeka intlungu kazwe umjita yaguga impahla yesikolo izihlangu kwabe kungekho mali kowabo izihlangu zikhambisile

umbona nje ukuba uyacinga ukude ngengcinga kanti ufuna ukuyeka iskolo ayophangela.wabuza usiya wathi zwe mtakwethu yinton le uyicingayo ezokulimaza br

zange afune ukuthetha uzwelethi wathi akhonto mfethu impilo iyaqhubeka.usiya uxhomekeke kuzwelethu ukuze apase ngoba ezinye izinto uzifundiswa nguye

wayibona lentlungu umjita.wathi kwimali ayiphiwa kowabo ukuba ayitye esikolwe wayibeka kanti uzama isihla for uzwelethu wamnika sisekhalibothini le tafis

wabulela uzwelethu baqhubeka nofunda kwimali ezidunwayo eskolweni imkhuphela lendoda uzwe imcebisa ngokubaluleka kokufunda

esitsho naye uzwe ukuba ndiyafuna ukuqhubeka kodwa isimo asivumi ndiyafuna ukuqhubeka nobhala kodwa isimo asivumi ndiyebuya

26/10/2025

Asijajani bantakwethu kodwa siyakhuthazana.kunzini ukujaja ngokubona kanti awulali lonke ibali.abanye babuya emizini abanye bayeka isikolo abanye bayeka imisebenzi

ok mandiqale ngebali lomntu oyeke isikolo esasifuna

31/07/2025

Big shout out to my newest top fans! Asanda Siguba, Mazinyo Mamngxongo Siphokazi, Bongi Mjila, Ak Zah, Lusanda Mtengwane, John Manyisana, Isivile Mapolisa, Liza Lise, Ndili Mpondo, Thabisa Ngwayishe, Vuyokazi Mqubuli, Sylvia Mqi, Zimy Ndaks, Beaut Hayiya Msizi, Simpra Salmani, Xolisa Mtiki, Xoliswa Makeleni, Zoliswa Dastile, Alwakhe Olumio, Xolelwa-ludweliso Lwamayirha Nido Ncamile, Nterh Nontera, Ntombekhaya Qwenga, Nondiphe Cewu, Lindelwa Jili, Mphera Tata We-galz Landzela, Nomsimelelo Nkcenkce, Kungentando Tomose, Nhoza Sange Bazi Ndyumbuza, Nomzi Madebeza Noqobo, Nooi Nooiza, Sivuyile Hlalumi, LadyZamar ZamaTshawe Somta, Lethokuhle Kuhle Zamaffaku T**i, Ntombozuko Same, Alizwa Makawula Liizwa, Imange Dlakana, Stanzi Ngxabazi, Sandso Mathobela, Nikitah Babalwa, Anothando Namhla Kauleza, Nokubonga Bongie Ngxola, Fezie G Intombii YamaDlamini, Nezo Soso Mantoshini Nzamela, Mfundie Bidi

30/07/2025

yandibamba isandla lendoda yathi ndiyamthanda bro kuphela kwakhe nguye okwaziyo ukuyinyamezela imeko yam yokuba ndinganto nam ndiyazama bro

yabuza k*m lendoda igamalayo yandixelela yathi ingu Xolani yabuza ukuba yenze njani ukuze agcineke kuyo ndathi zama bro lonto incinci unayo uyitye naye

uhlale umxelela ukuba uyamthanda ngalo lonke ixesha angayiva ngabanye abantu lonto lo mazwi azomgcina bro.yoh yabuza k*m uphi umntu wakho khona xa enokubona uhamba no Sphosethu angathi

ngoba wena mfethu unalo uthando futhi uyamnakelela umntu ndiqinisekile apho ikhoyo intombi yakho yonwabile ngeke ulahlwe ntombi wena unje

nam ndiyazoyikisela kuSphoseni ubonile ndivele ndalila bendigqibile br yoh kodwa uneshomi eryt umntwam uhlale unje mfethu

ndathi andinamntu mna bro ndeenza konke okungamgcina wandtshiya kunjalo ndabona ukuba kungcono ndibenomhlobo not intombi yam

andibazi ukuba bafunani ababantwana okanye ndim lo owabanelitshwa sathi sisathetha nomjita weza uSphosethu ndabanika ithuba ndama ecaleni

next time ndizobhala i numbersa nhe ukuze istory singalahleki nawe xa ufunda uyazi ukuba uphelephi......ndiyebuya..✍️

30/07/2025

ndathi Sphosethu masigokude futhi wathi yima ndibuze ndathi buza wathi nohlukana njan nentombi yakho ingathi ungumntu oryt nje ndathi wandijolela

so saphela siyeka ndandimthanda yena kakhulu kodwa kwacaba uyohlulakala kukujola nomntu omnye yabo.ndabuza yena ukuba uyakwazi na ukujola nomntu omnye okanye yinto yabo bengamantombi ukujolela indoda

wajonga phantsi wathi ucela ungandiphenduli ndathi ok ke masiyiyeke lencoko wathi ok ke ngoku ubufuna ino yam ibiyintoni injongo yakho

ndathi bendibona intombi mna umntu endinothi xa ndinengxaki ndincokole naye ndibone ukuba sizobeka naphi then ukuba unazo ezimpawu ndizifunayo zobufazi ndimthathe abengumfazi wam

but ilitshwa lam ndidibene nabantwana abadlalayo sphosethu ngeke udlale uyintombi kanti awuzodlala xa ungumfazi phofu ke wena sesingabahlobo ngoba unaye umntu andifuni uk*motsha umjita ekuthanda

wathi haybo yibayindoda yolula umntu uthathwa emntwini ndathi nanku ke lomdlalo ndikuthathe mna uze uphinde uthathwe k*m ndiyiyo indoda but not edlalayo sisi

phofu ngoku sesincokola sigoduka ndakhapha wagoduka namke ndaya ekhaya wandifounela wathi good night yebethuna

kanti ngoku sihleliyo sincokolayo luyakhula uthando kuye.ndaphinde ke ngenye imini ndamcela ukuba siphume sathi sisahleli sabonwa ngumjita wakhe ekucaba uhletyelwe ukuba uyajolelwa ngusiphosethu

wavele wakhwaza wabesekhala esithi siphosethu yinton le undenzayona ndambiza wafuna ukundibetha ndamcenga ndimcacisela ukuba akukhonto ndambonisa nencoko yethu

ndamomeleza ndathi ufumene umntu kusiphosethu makaqine ndabatshiya bobabini.....ndiyebuya nhe✍️

30/07/2025

ndadibana naye eshop ndamlinda wathenga ndamcela ukuba andilinde wadikwa ndamcenga wavuma wandilinda ndathenga sahamba sonke ndacela ino yakhe

wathi akayazi ngentloko ndathi ndizombhalela eyam ephepheni aze afike andi whatsapp wavuma.wafikanje endlini wayikhuphela wandi whatsapp

saqala ukuncokola ndamxelela indlela endiziva ngayo ngaye wathi ukuba kukuphela kwalonto ebendiyifunela ino yakhe ucela ndimblocke or uzondiblocker ngokwakhe

ndacela uxolo saqhubeka nencoko zaphela idata k*m ndaphinde ndazama ezinye saqhubeka ndacela uk*mkhupha wavuma sayotya out phofu ndimthengela yonke into ayifunayo

kwafika ixesha lokuba sigoduke sahamba ndamkhapha nam ndagoduka wandivusa nge Call ekuseni phofu ebuza ukuba ndizoyaphi ndathi andiyindawo wathi ucela sibonane ke

nyani sahlangana sahlalaphantsi wandibuza ukuba iphi intombi yam ndathi andinayo wathi mandiyeke ukuxoka.yakhala iphone yakhe kufouna umjita wakhe wandijonga ndathi yibambe

wathi hay ndathi yibambe wathi hayi kwavele omnye umntwana omhle ndambulisa ndacela ukuthetha naye yakwata le ndihleli nayo yabuza kengoku uzokwenza lento kuwo wonke lamantombazana

ndathi hay but andinantombi ungcono wena unayo indoda nam ndiyafuna ukujola........ndiyebuya nhe✊

24/01/2025

Ndim'owrongo:2 ndaqala ndacinga kabini kwakhonto ethi kungenzeka ukuba lomfo ufuna ukufumana lomnwana ngamaqhinga okanye umithi nyani lomntwana

Ndathi Asiphe hamba goduka andikufuni wathi u Asiphe uqhathwa ngulo kuba efuna sohlukane ngoku andimfuni mna ndifuna wena

Haybo Asiphe marn yatsho ihetsha izandla lanto ihambe isithi ucinga ukuba ndiphelele kuwe wena jolani kodwa lento yenu izophela kakubi

Anditya ke lamazwi kodwa wabe esithi lomntwana sumhoya lo nabani xa esohlukana nomntu uthetha lonto iqale yafika kuye ndicela uberyt andizokwazi ukuhlala nawe unje

Yakhula intiyo yothando k*m emva kwenyanga ndabona hay marn siyakhula nje nasi isisu wathi hay babe andiqondi kodwa mandiye eclinic ndiyozojonga

Waya xa ebuya ubuya encumile uthi babe kuthe kanti nyani ndikhulelwe ndiye nakwi Scan kuthiwa yinkwenkwe

Ndaqala apho ukungazi ukuba mandithini ngoba lomntu kuthiwe ukhulelwe wathi kuyaxokwa.ndambuza Asiphe ngowam lomntwana wathi ewe

Utheni ingathi awundithembi nje ngoku watsho elila ndathi bekuthiwe ukhulelwe apha wathi hay ngoku ubuya sewusithi ukhulelwe hey sindixakekisa wena marn

Wasothula isikhalo ndaqonda angase akhale akanyani mos.weza umama asova esisikhalo wathi hay hayi ungazondihlolela wena emzini wam kwenzeke ntoni ngoku

Ndamcacisela umama lonto ibali wathi.ukuba ngowakho umntwana uzothini anditya lamazwi ngoba xa ndingamhoyanga umntwana wam uzondizonda xa ekhula yoh

Yabuya lantombi yathi kulungile umntwana wam uzokhula engenatata ngoku ukhoyo uphilayo ungamondli ndizozama indlela yokuba aphile umntwana wam

Anditya lamazwi andivusa nasebusuku eysh umntwana wam.ndavuma ndathi ok ke ngowam ndiyavuma ndizomondla

Lahamba ke ixesha yabeleka lentombi ndamthengela izinto umntwana wakhula noko hey ingathi wakhawuleza kekhona.wade wabe kanti uyahamba

Xa noko emdala nyana samsa eskolweni ebane ebuya ephethe i R5 ndimbuze uyithathaphi ath uyiphiwe ngomnye ubhuti akamazi kodwa uthi labhuti ungutata wakhe

Ebane ebuya ephethe i R10 ndiyebuya.....✍️

wathi.uk

23/01/2025

Ndim'owrongo:1 Ndadibana naye ndambuza igama wathi ngu Asiphe Sathetha savumelana zange alibalizise saya endlini emven kwentsuku ezimbini

Ebane endibaliseka ngalo mjita wakhe ebejola naye indlela ebemphethe ngayo ndibane ndimnqanda ndisithi hayi akuthethwa ngenye i relationship xa ukwenye

Athi hayi wethu noba ebenondimithisa lowa ebengaphika kwa esosisu futhi ngeke ondle nalomntwana.ibane iphoner lendoda athi ndithe andikufuni

Imcenge athi ndi moove on nawe moova on andikufuni.yambona ehamba nam ngenye imini yathi exe nguwe lo uthathe umntu wam br? Ndathi nanku br ungandifaki

Ndabe ndiyibona ikhupha ibhoso ndathi mthathe br ngowakho.yamthatha yemka naye wandifounela wathi uyeza

Ndathi sukuza k*m hlala nomntu wakho uzindilimaza lomntu lo wathi ndiyeza ndaqonda yaz abantu abangosisi kodwa makeze nxe

Wafika ndingqengqile wathi ndifuna wena babe ndikuxelele nje ukuba andimfuni lamntu.sathi sisalele yakhala i nok ngulomfo ufuna lomntwana

Ndavula yathi letshephu br awuva ndithe hlukana nomntu wam okanye ufuna ukundondlela lengani ayithweleyo......ndiyebuya✍️

08/11/2024

KodwaTata:6 Sabuya esibhedlele nomama singcono kwaye sixhotyisiwe safika utata ehleli ngasebuhlanti sahlangatyezwa zizinja zisivuyela

Bathi onontlalontle k*m mandimangale wathi nomama mandimangale ndaya kuye uTata ngasebuhlanti ndamxelela ukuba

Ndiyaxolisa ukuyenza lento kuye kodwa k*mele ndiyenzile sisona sisombululo esi endinazo ndiyomangala ngoku

Wathi mntwana wam ndikuhluk*mezile ndiwugqibile umtshato wam k*mele ndihambe nawe ndizise emapoliseni

Sahamba ke sonke samtshiya umama ndafika ndalubeka udaba emapoliseni wabe naye ekhona xa kubuzwa kuye wathi yinyani yonke le ithethwa ngulomntwana

Ndibone kufanelekile ukuba ndivele ndize ngokwam madoda ndingabe ndinisokolisa zange afakwe namahanboy uTata wajikela ngapha kwezikhiya

Wabhayibhayisa k*m kwathiwa ke k*m ize ndiphinde ndize zikhona izinto ezizobuzwa k*m kwabe sekubekwa nosuku emandize ngalo

Ndafika endlini ndamxelela umama wabe ekhuza lonto ukuba awutsho ngoku ndathi bendisazi ukuba ndizokuxelela ndizincamile ngoku mazilime ziyetyeni

Angase andibulale uTata.uxolo mama ndiya ndiyophule intliziyo yakho ndikuvise kakuhlungu wathi hay akusenani mntwana wam

Ndiyebuya.......✍️

Want your business to be the top-listed Beauty Salon in Parklands?
Click here to claim your Sponsored Listing.

Category

Telephone

Address


Thakudi
Parklands
NONE